Uluntu lulunyukiswa ngoonqevu abaqhweshe kwamantyi

Amapolisa akwaBhaca akwiphulo lokuzingela oonqevu abane abanobungozi nabaphuncuke kwinkundla kaMantyi wale dolophu ngoLwesithathu weveki ephelileyo.

Abanqevu baphuncuke ezandleni zamapolisa bebathandathu,ngethuba bebebuyiselwa eziseleni emva kokuvela kule nkundla, nalapho bajongene namatyala okuqhekeza, ukubulala, ukuba nokubetha njenjongo yokwenzakalisa. Isibini kubo siphinde sabanjwa ngokukhawuleza.

Amapolisa alumkise ngelithi banganobungozi eluntwini abanqevu, kwaye babaleke nompu wepolisa ebeligadile. Othethela amapolisa akwaBhaca uKhaputeni Mlungisi Matidane ubongoze uluntu ukuba luqhagamshelane namapolisa kwakamsinya xa lirhanela ukuba linona la mabanjwa. 

“Ze uluntu ludlalele kude nala mabanjwa kuba anganobungozi, lukhawuleze lusazise xa liwabona. Luqinisekise ukuba iingcango neefestile zivaliwe ebusuku kuba asazi ukuba baceba ntoni pha ngaphandle,” ucacise watsho lo kaMatidane.

La mabanjwa akwiminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesithathu ukuya kwengamashumi amathathu anesithandathu abambe ipolisaebeliwabuyisela eziseleni zokulinda, alibetha, alixutha nompu womsebenzi ababaleka nawo, batsiba ngemva bagcwala ithafa.

UMatidane uthe: “Lityala elinobuzaza ukuqhwesha useluvalelweni kwaye lizokongezwa kulawo bebejongene nawo. Kungoku nje amapolisa asezithendeni zabanqevu, bazakuvalelwa kungekudala.”