Lishiyeke lize usapho olutshelwe ngumzi

Uthuthu ebelisakuba ngumzi wakwaNobebe otshe ngobusuku olusapho lilele. Umfanekiso: Buziwe Nocuze
Lusindiswe yintombazanyana eneminyaka elishimi elinesibini ubudala usapho lwakwaNobebe ngethuba kusitsha indlu yalo kwindawo yasePosini ePort Alfred.
UNontombi Nobebe oneminyaka engamashumi amane anesithoba ubudala nongumama kweli khaya uthi le ntwazana ivuke isiyochama ngethuba ibona ukuba kuyatsha.
“Thina besilele kungekho nto siyivayo kwaye ukuba ebengavukanga mhlawumbi ngesibhubhe sonke,” utsho uNobebe.

UNobebe uthe abawazi ukuba lo mlilo uvele ngaphi, nangona bebetshise amaphephe ngolwesine babewucimile lo mlilo phambi kokuba bayokulala.

Uqhube wathi, “Ibizizithuba zentsimbi yesibhizo ngokuhlwa ngethuba siqinisekisa ukuba umlilo ucimile.” Ukwathe bekukho nemvula ebike yanetha emva kokuba bebetshise lo maphepha.

“Ukuba bekungakhange kunethe ngendisithi inokuba kwaphaphatheka iphepha langena ngaphakathi, kodwa ke ngenxa yemvula enethileyo ibingasokuze yenzeke lo nto kuba nomlilo wawungekho mkhulu,” uqhube watsho uNobebe.

UNobebe uthi yonke into ebingaphakathi kule ndlu ebimagumbi mabaini itshile, kuquka izatifikethi zabantwana, iincwadi zabo zezazisi, kwakunye neyunifom yesikolo  yabantwana.
“Andiyazi ukuba ndizakuthatha ntoni ndidibanise nantoni kuba kutshe yonke into kuquka neempahla kuba siphume nezo besizinxibile kuphela,” utsho uNobebe.

Noxa kunjalo uthi akukho namnye umntu owenzakeleyo, kumalungu osapho amathandathu kuquka nabantwana abane abaneminyaka esibhozo ukuya kwishumi elinesihlanu.

Olu sapho lithi iinzame zokufumana uncedo kubacimi mlilo ngethuba kusitsha ziwe phantsi. “Ndifowune ndancama nabanye oomakhelwane kodwa asalufumana uncedo,” utsho uNobebe.

Ukwathe, “Anditsho ukuba ndiyazisola ngokutsha kwendlu yam kodwa hayi nazo zihamba kancinane kakhulu.”

Olu sapho lucela uncedo nakubani na onokubathengela iyunifom yabantwana, khon’ukuze bezokwazi ukuya esikolweni. Kungokunje olusapho lusafihle iintloko ezihlotyeni logama besalindele uncedo kumasipala walapha eNdlambe.