‘Inkokeli ayizibabazi, izibonakalisa ngeempawu’ – Mantashe

UNobhala Jikelele weANC uGwede Mantashe kwintlanganiso yalo mbutho ibiseGeorge eNtshona Koloni. Umfanekiso: Unathi Tuta

“Abawazi umzabalazo
weAfrican National Congress abo bafuna ukuvula iingxoxo malunga zokuba lo
mbutho ukhokelwe ngabantu abaneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala.”

La ngamazwi athethwe nguNobhala
Jikelele weANC uGwede Mantashe ngethuba esenza intetho yakhe kumsitho
wokubhiyozela iminyaka elikhulu elinesihlanu yasekwa iANC.

Lo msitho ububanjelwe
kwiholo yoluntu iThembalethu eGeorge kuMazantsi eKapa, kwaye kulapho uMantashe
axelele malunga namakhulu amathathu abalandeli balo mbutho ukuba mababaqaphele
abantu abagayela inkxaso ngokuba bengabahlobo okanye bengamalungu osapho
olunye.

Uthi “Inkokeli
ayizigayeli nkxaso koko igayelwa ngababona iimpawu zobukhokeli kuyo.” 
Uqhube wathi, imanyano
ibaluleke kakhulu embuthweni kwaye yenye yamafa awashiywa ngowayesakuba
ngumongameli walo mbutho uOR Tambo.

Uthi “Unyamezelwano
nentlonipho nazo zibalulekile phakathi kweenkokeli zendibanisela kanxantathu
oquka iANC, iSACP neCOSATU kubangikho nkokeli ibiza enye ngamagama amabi
ngokungathi omnye nomnye utsalela ecaleni lakhe kodwa kusetyenzelwa ukhulisa
umbutho omnye.”

UNobhala ukwathe unxulumanwo
loluntu luyakuthi ukuze lwenzeke kwaye luqhele ingakumbi phakathi kwabantsundu
nabebala baqale ngokudityaniswa kwindawo zokuhlala. 

Uthi “Unxulumanwo phakathi kwabantsundu nabebala
lungenzeka kuphela ukuba badibana kwiindawo zokuhlala,ingekuko ukuba baqale
ukudibana ezikolweni okanye xa bekhonza kwinkonzo ezinye.”

UMantashe uthi abo bathe
pahaha inkokeli abanomnqweno wokuba zingene kwisikhundla sokuba ngumongameli
olandelayo kulo mbutho bathathe inyathelo eligwengxa. 

Oku kulandela ukuba
iphiko lamanina lalombutho lidize ukuba lixhasa uNkosazana Dlamini Zuma
njengomongameli walo mbutho olandela ukubeka phantsi iintambo kukaJacob Zuma.