‘Mawuchithwe umasipala waseMnquma, kuvotwe kwakhona’-DA

Abahlali baseMnquma bebambe uqhankqalazo ngenxa yeengxaki eziqhubeka kulo masipala. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

USIHLALO weDA eMpuma Koloni uVeliswa Mvenya umemelele kuMphathiswa wentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yeenkosi uFikile Xasa ukuba angenelele kwingxubakaxaka yaseMnquma, kungenjalo uchithwe lo masipala ukwenzela ukuba kubanjwe unyulo ngokokutsha.


Isiphakamiso sikaMvenya siza emva kwengxwabangxwaba eqhubeke kwindibano yeli bhunga ebibanjelwe eMsobomvu apho ooceba abathile beANC begqibe kwelokumqethula esihlalweni uSodolophu uThobeka Bikitsha bafaka uPatience Thobakazi Ntanga.


Abahlali baseMnquma, abaquka nabasebenzi balo masipala, khange basamkele esi sigqibo. NgoLwesine igquba labahlali belingxange kwizakhiwo zaseMnquma livuma amagwijo achasene nolawulo lukamanejala womasipala uSindile Tantsi, abamtyhola ngokuba nguye unobangela weyantlukwano kwibhunga laseMnquma.


UTantsi, obekhe wanqunyanyiswa libhunga likamasipala, ubhenele kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha apho afumene isigunyaziso esithintela abaqhankqalazi ukuba bonakalise izixhobo zikamasipala, bathuke okanye bagrogrise amagosa aphangeleyo kamasipala. 


UMvenya uthe: “UMphathiswa uXasa makathabathe amanyathelo ngale nyewe, kuba iqhwalelisa ukusiwa kweenkonzo eluntwini. UTantsi ukuba uthi (unqunyanyiswe) ngokungekho semthethweni makaye kwiLocal Government Bargaining Council, afake isikhalazo.”


“Ukuba uXasa uyohlulakala ekungeneleleni, mawuchithwe lo masipala kuphinde kuvotwe kwakhona,” kutsho uMvenywa.


Amagosa aphuma kwi-ofisi kaXasa ebevalelene kwiingxoxo namagosa aphezulu aseMnquma ngoLwesine ezama isisombululo kwinyewe ejongene noMnquma. Iziphumo zale ndibano bezingekabhengezwa.