Bavume amagwijo beqhankqalazela uTantsi

Abahlali baseMnquma bevume amagwijo beqhankqalazela uTantsi. Umfanekiso: Siyanda Zakhe

ABAHLALI baseMnquma bavale amasango alo masipala beqhankqalazela umanejala waseMnquma uSindile Tantsi abamtyhola ngokuba ngunobangela weyantlukwano kwibhunga lalo masipala.

NgoLwesine igquba labahlali baseMnquma, abaquka abasebenzi balo masipala, bachithe usuku lwabo phambi kwezakhiwo zomasipala bevuma amagwijo omzabalazo, bambi bevuma iingoma ezichasene nolawulo lukaTantsi.

Esizikithini sentshukumo yakutshanje ngumba wokonyulwa kukaPatience Thobakazi Ntanga njengosodolophu kule veki engena endaweni kaThobeka Bikitsha obenyulwe phantsi kweenkqubo ezisikelelwe yiANC emva konyulo lenyanga yeThupha nyakenye.

Abahlali baseMnquma bathi nguTantsi lo ungunobangela weyantlukwano kweli bhunga. “UTantsi wenza unothanda kulo masipala, ungene tsotsololo kwipolitiki yaseMnquma kodwa ungumqeshwa. Singabahlali sithi makasikhwelele asishiye nomasipala wethu,” omnye wabahlali uxelele I’solezwe phambi kwezakhiwo zalo masipala eGcuwa.

Amapolisa aseGcuwa edibene nebutho lokuqubisana noqhankqalazo laseKomani angxange phambi kwezakhiwo zaseMnquma, exhobe efohlele.

Umsebenzi waseMnquma ongavumanga kuchazwa uthe: “Into endibangele ukuba ndizoqhankqalaza kungenxa kaTantsi ocinga ukuba ngumasipala wakhe lo. Xa kunqunyanyiswe yena, kuma yonke into kulo masipala.”

Usihlalo weANC eMnquma uNdoda Mesani uthi balenzile uphando ngeengxaki zeyantlukwano kwipolitiki yaseMnquma. “Unobangela wale ngxubakaxaka nguTantsi,” utshilo uMesani.

Amagosa esebe lentsebenziswano kurhulumento kwakunye nemicimbi yeenkosi (Cogta) ebevalelene kwiingxoxo namagosa aphezulu aseMnquma kwisikhululo samapolisa aseGcuwa.

Iinzame zokufumana ilizwi kumasipala malunga nezityholo ezityatyekwa uTantsi ziwe phantsi. Umasipala waseMnquma ufumene isigunyaziso kwinkundla ephakamileyo yaseMthatha esithintela abasebenzi ukuba bonakalise izixhobo zikamasipala, bathuke okanye bagrogrise amagosa aphangeleyo kamasipala.