UMasualle umakhele umkhanyo uMakupula

Inkulumbuso yePhondo leMpuma Koloni uPhumulo Masualle, xeshikweni ethetha ngeziphumo zabafundi bebanga lesishumi baka2016, eBhisho. UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE
INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ayizukumgxotha uMphathiswa wezemfundo kweli phondo uMandla Makupula noxa nje ikholelwa ukuba “zakufungwa iintshiya” xa lifikile elothuba.

 

UMasualle uvumelana nabantu baseMpuma Koloni abakhathazekileyo ngeziphumo zikaGrade 12, emva kokuba eli phondo liphinde larhuqa emsileni xa ithelekiswa namanye amaphondo kwiziphumo zebanga leshumi.  

 

Kwiziphumo zonyaka ka2016, iMpuma Koloni izuze u-59.3 weepesenti, impucuko ka-2.5 weepesenti xa kuthelekiswa no-56.8 weepesenti ka2015.

 

“Zikrun’ intliziyo ezi ziphumo, asikwazi ukubhiyoza babe abafundi (40.7 weepesenti bengaphumelelanga). Kodwa ke ndinethemba lokuba izicwangciso esinazo singurhulumente wephondo ziza kwenza umahluko omkhulu kweli sebe,” utsho uMasualle.

 

Ngokubhekisele kuMakupula, ogxekwa nkalwana zonke malunga nezi ziphumo, uMasualle uthe: “UMphathisw’ uMakupula ungene kweli sebe kungekho zinzo. Sakhumbula ukuba kwezemfundo bekusoloko kukho iintloko zeli sebe ezingxungxileyo kodwa ngoku iphelile lo nto kuba kukho intloko yesigxina (Themba Kojana). Luzinzo olo.”

 

“Xa kukho uzinzo esebeni kulapho siza kubona ukuba ngubani osilelayo,” kutsho uMasualle.

 

Lo kaMasualle uthi umyinge ka-59.3 weepesenti ozuzwe liphondo mncinci kakhulu “ngoko ke urhulumente wephondo funa iziphumo ezingcono kunoku.”

 

“Liyafuneka ixesha apho kufuneka kukhutshwe amehlo okanye kufungwe iintshiya ukuze izinto zenzeke kakuhle. Abantu bakuthi bakruqukile ngamagosa enza unothanda, kodwa noxa kunjalo yonke into kufuneka yenziwe kulandelwe umthetho,” kutsho uMasualle.

 

UMasualle akakhange anabe malunga nezizathu zokugcina esikhundleni lo kaMakupula ngaphandle kokuba esithi lo mphathiswa uze nozinzo kweli sebe.

 

UMakupula uxelele oonondaba eMonti ngoLwesine ukuba akazazi izizathu ezakhokelela ukuba achongwe njengomphathiswa kweli sebe.