Amapolisa afumene umzimba wendoda eKei Road

Amapolisa aseKie Road abhaqe umzimba wendoda ongaziwayo kwenye yeefama eziseKei Road. UKapteni Jackson Manatha osisithethi samapolisa aseGcuwa, nephantsi kwayo le ndawo uthi, umzimba wabhaqwa ngomhla wesihlanu kwinyanga yoMnga kunyaka esiphuma kuwo.


Le ndoda ibinxibe ibhulukhwe enevi kwakunye nesikipha esiluhlaza, amapolisa akanikanga nkcukaca ngokuqikelela iminyaka yobudala. Abahlali bayabongozwa ukuba nabani na olahlekelwe ngumntu, okanye owazi umntu olahlekileyo aze ngaphambili ukuzokufanisa.

 

Amapolisa akwathe, abo bakhangela umntu olahlekileyo bangatsalele uSajini Madibane Tshambo ku 082 441 9250 okanye ku 043 782 0606.

Iqwakuqwaku lokuphanda livuliwe ngamapolisa.