EyoMnga yeyotywala namatyala?

Inyanga yoMnga ibagqibile abantu; ibathathe ezindleleni yabathatha nasezimpokothweni. Sibhala nje sibala inani elingaphaya kwewaka labantu abathe babhubha kwinyanga yoMnga ka-2016. Ziingozi zeemoto zodwa ke eli nani, asibabali ababhubhe zizigulo nezinye izinto.

Oyena nobangela utshotsha entla kwezi ngozi kukuqhuba kakubi, ukudinwa kwabaqhubi kunye notywala. Utywala ke bona bunkqenkqeza phambili. Amagosa ezeendlela abambe amakhulu ngamakhulu abantu abaqhube iimoto betye udlomdlayo kule nyanga siphuma kuyo.

Umntu ungena njani kwimoto etye utywala? Ingaba akukho nento ethi qethe ukuba ubeka ubomi babanye abaqhubi ebungciphekweni?

Uthi usaziqhubela imoto yakho suke kuthi gqi eza kuwe ngqo, intlitheke kuwe. Konke oku ngenxa yotywala. Uninzi lwezi ngozi zenzeka ezinzulwini zobusuku behamba nabanye abantu. Kutheni bengakwazi ukunqandana?

Akunyanzelekanga ukuba inani labantu abatshonela ezindleleni libe likhulu kangaka. Nokuba kungonyuswa inani lamagosa ezeendlela akho tshintsho lwakuza kungekabikho nguqu kwindlela abantu abacinga ngayo.

Sisekumba wokutshintsha iingqondo kukho nomba wokonga imali kwakule nyanga siphuma kuyo. Ityiwa ityiwe iphele vuthu imali, kubenzima mpela kule nyanga yoMqungu xa siqala unyaka. Xa ubuza ukuba kutheni imali ityiwe yaphela uye ufumanise ukuba abantu bathi “andizongonwabi mna!” abanye bathi “iingxaki ziye zibeninzi kweyoMnga!”

Ingxaki ngokuqala unyaka usematyaleni yeyokuba unyaka wonke uyakuhlala usematyaleni, uzama ukubuyisela ezomali. Sakubhala banzi ngemiba yezoqoqosho nokonga imali kulo nyaka; sizakumema iingcali ukuba zicebise ukuba ubutyebi yinto apha eyakhiwa njani.

Awukwazi ukuphila ubomi obukhululekileyo untyumpantyumpeka ematyaleni, awukwazi nokulungisa iingxaki zezwe okanye wenze unothanda usabopheleleke ematyaleni.

Kufuneka silungise ukuhlala.