Uzakunikwa elinye ithuba uCoetzee yiSARU

Umqeqeshi weSpringbok, * -Allister Coetzee, utyibilika emkhenkceni kwisikhundla sakhe kwiqela lesizwe. Oku kulandela emva kwesizini engabaxolisanga abaphathi beSARU.

Kwiveki ephelileyo umqeqeshi nabadlali abaphambili beBoks, banike iSARU ingxelo emalunga nendlela eliqhube ngayo iqela lesizwe.

Ngelixa uCetzee engena ezihlangwini zikaHeyneke Meyer ebutsheni, balo nyaka, bekulindelwe lukhulu kwaye kubekwe ithemba lesizwe kuye. Ukuza kuthi ga ngoku uwe ngeneno kwizinto ezilindeleke kuye. Kwimidlalo elishumi elinambini yovavanyo, iiBoks zibethiwe kwesibhozo.

Ngokwembono kamongameli yemanyano yelizwe loMzantsi yombhoxo uMark Alexander iziphumo zalo nyaka ziyadanisa ngeyona ndlela.

“Ngokwesiqhelo indlela eliqhube ngayo iqela siye siyihlalele phantsi nomqeqeshi, kodwa kulo nyanga bekudingeka ukuba siqwalasele ngeliso lokhozi ngenxa yeziphumo ezibi,” utshilo uAlexander.

Into ecacileyo emva kwale ntlangano yekomiti ephezulu yeSpringbok kukuba uCoetzee akayi ndawo usezakuhlala nje ngomqeqeshi weeBoks. Utshintsho luzakwenziwa kwindlela odlalwa ngayo umbhoxo kunye nokutyunjwa kwabadlali, sele kuqaliwe ukwenziwa izimemelelo kumaqela adlala kwiSuper Rugby kweli loMzantsi Afrika. Ngaphambili iqela eliza kudlala belingaxhomekekanga kumqeqeshi kuphela ukulityumba, umqeqeshi weBoks ebencediswa yikomiti. Ngokomthetho omtsha ophakanyiswa yiSARU, uCoetzee uzakuncediswa ngumntu omnye otyunjwe yiSARU ukutyumba iqela lakhe.

Kunyaka ozayo iSpringbok samkela iFrance kuluhlu lwemidlalo yovavanyo. Umceli-mngeni wokuqala kaCoetzee kunyaka ozayo kukukhangela ikapteni entsha njengokuba uAdriaan Strauss ezakubeka phantsi iintambo. Indlela eziqhube ngayo iiBoks kule sizini yinto engazange yenzeka kwimbali yazo.