IDikwena ikhangela abadlali abatsha

Cavin Johnson, umqeqeshi wePlatinum Stars. Umfanekiso: BackpagePix

Iqela lebhola ekhatywayo elizinze eRustenburg, iPlatinum Stars, likhangela abadlali abatsha kule nyanga yokuqala enyakeni ekwasetyenziswa kakhulu ngamaqela ohlukeneyo xa efuna ukuqinisa iindawo ezithile. IDikwena iphakathi kwalo maqela azingela abadlali ngenxa yokungaqhubi kakuhle kwayo kule sizini.

Abaphathi bayo nomqeqeshi bazama ukufumana abadlali abanokuthi bancedise futhi babenefuthe elakuthi likhokelele ekusukeni kweli qela kwindawo elikuyo ngoku kwiPSL.

Njengokuba kuthathwe ikhefu ngamaqela adlala kwiPSL, iPlatinum, ithe ngcu kwindawo yeshumi elinambini emva kokudlala imidlalo elishumi elinesithathu. Iqokelele amanqaku alishumi elinesithathu qha, iphulukene nemidlalo emithathu, yadlala ntanganye kwemine – kodwa yabethwa kwimidlalo emithandathu.

Yiyo lo nto abaphathi beli qela laseMntla Ntshona bebona kufanelekile ukongezwa kwabadlali.

“Ngaphandle kwamathandabuzo, umqeqeshi kufuneka simnike inkxaso efanelekileyo,” uyivule ngalo mazwi inkcaza yakhe uSenzo Mazingiza kwikhasi lomnatha.

Eli qela lityikitye ihlokondiba labadlali ekuqaleni kwale sizini – kodwa ingxaki ibekukungabinawo amava kakuhle kumgangatho ophakamileyo.

“Sizimisele ukufumana abadlali ababini okanye abathathu ukuze siphucule indawo esikuyo kwiPSL. Sakuthi senze isibhengezo xa iingxoxo phakathi kwethu nabadlali esibafunayo siziphethile. Ngelishwa kuyanyanzeleka sichule ukunyathela xa sichitha imali ngoba ingxowa yethu yemali ayihluthanga,” utshilo uMazingiza.

Kwisizini edlulileyo iPlatinum Stars ivale isizini ikwindawo yesithathu, kangangokuba kulindeleke ukuba ithathe inxaxheba kwimidlalo yeCaf kulo nyaka – kodwa ngelishwa kule isizini izinto azilihambeli kakuhle iqela likaCavin Johnson. Nangona kunjalo okumxolisayo uJohnson kukuba abaphathi bakhe bayamxhasa ngokupheleleyo ngeli xesha lobunzima.

“Umqeqeshi nguye ophambili kwiphulo lethu lokukhangela abadlali. Nguye onelizwi lokugqibela. Indima yethu singabaphathi kukuqinisekisa ukuba imeko asebenza phantsi kwayo intle. Siyathetha naye xa kukho abadlali abafunekayo kwaye sisebenza sibambisene,” utshilo uMazingisa.

Xa kubuyelwa enkomeni kwinyanga ezayo, iPlatinum izakugagana ne-Orlando Pirates ezihambela nzima nayo kule kule sizini kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ozakube useRoyal Bafokeng Stadium.