Iinqaba zomz’ ontsundu!

CHU ngcembe kuloo mahlathi akuQoboqobo ngomhla wokuqala kweyoMqungu kulo nyaka uphelileyo, ndihamba neqhawe lakwaThangana, uVusumzi, into kaHlanganise! Ngeli lixa umbo nomxesibe ugxalathelene kumazibuko nakwiilwandle, kusojiwa, kujuxuzwa, kuqhushumba iziciko nezivalo zeziselo zasemzini ezifana nooma-champaigne, mna neli ciko linguchul`ukunyathela nochul`ukudwelisa amagama, sathatha isigqibo sokuba siye kuthandaza kwezo ntaba zaMathole, kuloo mahlathi akwaHoho, sithandazele ukomelela kwiinzingo neenkqwithela umntu ahlala ejongene nazo kweli limagad`ahlabayo, siye kuthandazela isizwe sikaXhosa esisuke sathanda ukuba buthathaka, isizwe esisuke sanokutyeshela amasiko nezithethe zaso, isizwe esinolutsha olunxanelwe ubomi bezinye izizwe ngaphezu kobuXhosa, isizwe esingazingciyo ngolwazi lwaso kwanoovimba baso abakhethekileyo.

Kolu hambo lwethu, siye sabona inkabi yenkomo emhlophe qhwa, ngoko nangoko sema bhunxe, sayibuka, sincume olukablankethe, kuba kaloku umbono omhle kangako sele unqabe oku komntsontso wetyiphu kule mihla siphila kuyo. Phofu oyena nobangela woko kukungafuyi kwabantu kwezi mini.

Sithe sisajonge obo buhle bendalo, qatha engqondweni yam balana lithile likabawo uVusamazulu Credo Mutwa. Kula ncwadi yakhe ithi, “Indaba my children”, eli xhwangusha lesazi libalisa ngokuthiywa komlambo uMkomazi okanye Inkomati.

Ndiye ndabelana nomhlobo wam lo ndikunye naye kolo hambo lwentaba nehlathi ukuze singabi nakuyiva loo minqantsa, amawewe namaxethuka aloo ntaba naloo mahlathi. Ndibalisele ihlakani lam eli ngale mbali ichaza ukuba kwimfazweeyayiqhubeka phakathi kwamaAfrika phezu kwaloo mlambo ucanda phakathi kwamazwe amabini, iMozambique neSwaziland, kwathi kanye xa kuzakuhlaselwana ngemikhonto neminqayi ngamawethu, kwathi gqi ithokazi lenkomo elimhlophe qhwa, langena phakathi kwaloo mikhosi yayiza kubulalana.

Ngoko nangoko, imikhosi macala omabini, yasuka yema bhunxe ngenxa yomothuko waloo mbono mhle, zawa ngokuwa izixhobo nezikhali, kuba amaAfrika anenyani aqonda ngoko nangoko ukuba loo mbono waloo nkomo wawuhamba nomqondiso.

Omabini amacala awutolika loo mbono njengomqondiso osuka kubantu abalele ukuthula, umqondiso wokuba imfazwe mayiphele ngoko nangoko, kugqube uxolo phakathi kwaloo mikhosi.

Ngoko nangoko amatola neenkokheli zamacala omabini adibanisa iintloko, kwatyikitywa isibambathiso soxolo ngomsizi elityeni, kwathathwa nesigqibo sokuba loo Nkomazi okanye iNkomati (ngesiSwati), idale uxolo phakathi kwezo zizwe, kusele kuthiywa ngayo loo mlambo kwakuzakuliwa phezu kwawo, kuthiwe ngumlambo iNkomati.

Ugxa wam uvuye kakhulu ndakumthela thsuphe ngeli bali. Kuthe kanti loo ncoko izakuvulela nezinye iinkumbulo ngeminye imiqondiso okanye ngezinye izinto eziyinqaba kumzi kaXhosa. Ndivumele mlesi ndizikhankanye ezi nqaba, kuvuleke amehlo kwabo bebesele befuna ukumfameka, kugqogqeke iindlebe kwabo basevayo, ngethemba lokuba ikho imbinana eyakufunda nto kolu lwazana.

Ngoko nangoko uThangana undityebisele ngenye yeenqaba zomzi wakowethu, inqaba yokuba xa niye nadibana noxam kuhambo lwenu nezinja zengqina njengabazingeli, ukuba uye wahlaselwa zizinja okanye ngabazingeli uxam lowo, waze wafumana ukwenzakala, kufuneka kuqinisekwe ukuba loo xam akasondeli tu emanzini kwakhona.

Uqhubekekile uThangana esithi ukuba loo xam wenzakeleyo uphinde wangena emanzini, ulwazi

lwemveli yakwaNtu luthi kwabo bazingeli okanye izinja, zikho okanye bakho abangayi kufika emakhaya besaphila. Baya kuthi ukuze basinde uxam ohlaselweyo wenzakaliswa asele egqityezelwa, ukuze kunqandeke ishwangusha elidaleka xa uxam owenzakeleyo engena emanzini omlambo kwakhona.

Kule ncoko yethu siphinde savelela nomba wesilo sakwaNgwanya, uMajola nesilo esibizwa ngenkwakhwa ngabo bangahloniphiyo.

Ngubani na mawethu onokuyichaza ayicazulule indlela eyenzeka ngayo inqaba yokuba xa kuzalwa abantwana bamaMpondomise kaNgwanya, ingakumbi amathole amaduna, bandwendwelwe seso silo sihlonipheke kakhulu kweso sizwe, nesingaziwayo ukuba sifike nini, kungenjalo singene phi, njani kuloo mzi wooJolinkomo.

Nditsho nkqu nenzululwazi abatshila ngayo abantu basemzini, ayinakuze iyichaze indlela eyenzeka ngayo lenqaba yakowethu. Sisahamba njalo, xa siwela intlanjana yamanzi asezintabeni, sabona isilawu esixatyiswe kakhulu kwizisusa zakwantu, izisusa ezifana nokubuyiswa kwentloko yekhaya.

Esi silawu seso saziwa ngokuba ngungcana. Ungcana lo sisilawu esikhula kwinyele yamanzi omlambo. Inqaba kangcana lo yeyokuba xa uza kumkha, kufuneka ungene emanzini, umjonge ntsho kwaye ungawasusi amehlo kuye apho phantsi kwamanzi.

Umbambe unqothule ngokukhawuleza. Uthi wakuwasusa amehlo kuye xa sewumbonile, suka anyamalale ungamazi nokuba utshone phi na. Naxa sele uqhawule apha kuye, eli cala linengcambu lisele emanzini, nalo liyanyamalala ngoko nangoko emva kokumqhawula kwakho. Ukuba ikho inkcazelo yenzululwazi yale meko yokuthi shwaka kukangcana ngokungathi uyambona umntu ngoku esisityalo, mayincede loo nkcazelo iziswe ngaphambili.

Sigqibele ngenqaba ehamba nesibindi nokukhalipha. Le ke inqaba ayiwafanelanga amagwala namatyutyusi, koko eyamakhalipha angoyiki ngokoyikiswa. Sizikhumbuze ngelinye lamabali ezi nkonde, elo lalisithi xa izinja zisenza umkhulungwane ezinzulwini zobusuku, umntu onesibindi uye abambe enye yazo, athathe ubuthuku okanye iintongo emehlweni ayo, abuqabe mehlweni akhe. Kaloku inkolo ithi izinja, ingakumbi iimazi zezinja, zona zingafane zilale, zingenza umkhulungwane, sukube ikho le nto imdaka ziyibonayo.

Amaxhego athi, uya kuthi wakuqaba obo buthuku bazo kwawakho amehlo, uyibone yonke le nto imdaka ibonwa zizinja. Nale ke yenye inqaba ekuvimba wolwazi lwamaXhosa engenakuze ichazwe ukuba yaziwe njani na, ngaphandle kokuba umntu angqine ukuba amaXhosa amandulo la ayekrelekrele ngokwemveli ngenene. Sisesesuthwini nomfo kaHlanganise lo sakhe sayizama le nto yale nqaba.

Kwekhu! Esakubona ngobo busuku, kwasibangela ukuba sifunge ukuba asinakuze siphinde sifune ukuzifanisa nezinja, kuba kakade isibindi sazo singaphaya kwesomntu! Uya kuzicingela nawe mlesi ukuba ingaba ngowuphi na umnqa nezothuso esazibonayo ngobo busuku. Endinokukuxelela kona kukuba ungaze ube ngugqadambekweni wenze njengathi, kuba ungazibona ulala obungahliyo!