Ukhale esofelweyo ecingela umntwana wakhe osesiswini

Umzi kaSandile Hendrick Poni oye wamoshakala ngenxa yesitshingitshane senkanyamba, eQweqwe IMIFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

INKOSIKAZI ekhulelweyo yaseQweqwe eMthatha ibibambe isisu sayo ithandaza, icela uMdali ukuba asindise umntwana wayo ngethuba kusiphuka amaphahla, kusiwa nezindlu kwisitshingitshane senkanyamba eshiye abantu bonzakele kwabhubha wamnye kwimimandla yaseMthatha ngoMvulo.

Le nkosikazi, eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, ibihleli nandoda ithile kumzi ewuqashileyo eQweqwe ngethuba kufika esi sivunguvungu senkanyamba emva kwemini ngoMvulo umhla wesibini kule nyanga.

“Kuqale kwamnyama, kweza amafu angaqhelekanga emva koko kweza umoya omkhulu, kwawa namahambanamvula. Iifestile zivele zavukuvuku zonke, kwabe sele kungcangcazela uphahla.

“Esikubonileyo emva koko kukuphaphatheka kophahla. Ndikhale xa kulapho, ndabe ndicingela umntwana wam endimkhulelweyo. Siphathe kuncathama ezikoneni yabe isina ngamandla imvula,” itsho le nkosikazi, eneenyanga ezisixhenxe ikhulelwe.

Le nkosikazi, ecele ukuba ingabizwa ngagama, ithi icele indawo yokulala koomakhelwane bayo nanjengoko impahla yayo imanzi tixi. Ixelele I’solezwe ukuba ibulela ukusinda kwayo nomntwana wayo ongekazalwa kule nkanyamba.

Kusenjalo kwakule lali yaseQweqwe ixhegwazana elizakugqiba iminyaka elikhulu kulo nyaka lisinde engozini nalo kule nkanyamba.

UMiriam Stobhi Qangaqa, oneminyaka engamashumi alithoba anesithoba (99), uthi ubone sele kungena amanzi efestileni. Nanjengoko kulindelekile, eli xhegwazana aliseva kakuhle ngeendlebe.

“Andazi nto mna, ndibone nje sekungena amanzi, nezindlu zabe sele zimkile. Andiva kakuhle ngeendlebe, ngoko ke andinankcaza izeleyo,” litshilo eli xhegwazana ngethuba I’solezwe lilingcambazisa kwikhaya lalo elivuthuluke lonke.

Ilali yaseQweqwe naleyo yakwaPayne, zezona ezithe zathwaxeka ngokumandla kule nkanyamba. Ngethuba I’solezwe lityelele kwezi lali zimbini ligangwe ngumbono ombi weelali ezivuthulukelwe ngamaphahla, iintambo zombane zijinga phantsi logama abahlali bebambe ongezantsi besakhuza esi sehlo.

UNompumelelo Phingi, ohlala kumzi okwakhiwe kuwo iSt Johns Apostolic Faith Mission kwaPayne, uthi bakhathazekile kukuphaphatheka kophahla letyalike yabo.

“Sikhathazeke kakhulu kuba libandla labantu eli. Ngoku sishiyeke singenandawo yokukhonza,” utshilo uPhingi.

Kwakhona, ityalike yamaWisile kwaPayne ithe yachaphazeleka kule nkanyamba. Kwankqu nesikolo iJersey Farm Junior kwaPayne sithe samkelwa ngamanye amagumbi aso.

Umasipala wase-O.R. Tambo uziqokelele iinkcukacha zabachaphelekileyo ngeenjongo zokuphendla indlela yoncedo.

Abantu abakufuphi kumawaka amane bathe bachaphazeleka kule nkanyamba.

Abonzakeleyo, abaquka nabahanjelwe nguMhlekazi (ukubethwa lizulu), basiwe kwisibhedlele saseMthatha. .

Ezinye zeelali zaseKSD ezichaphazeleke kule ntlekele ziquka iVidgesville, Lindile, Mabheleni, Ngqarhi, Matyengqina, Upper neLower Ngqwarha, Luxolweni, Nxele, Mazizini, Thafeni, Ndlunkulu, Manzothweni, Bhavuma naseMajwarheni.