Ungenzani ngoMntu?

Amathanda-zwe anechapoti kukuhlala enyembezana kukubona ilizwe elabuyiswa ngegazi lisoyela nomphini.

Siqhayisela abantwana bethu abathe gcobho ebhotolweni yolawulo lwentando yesininzi ukuba thina eli lizwe salilwela, asifani nabo bona balixhamla ngokulilifa. Sithi eli lizwe loobawo nelalibiwe zizandawana zamzuzu salibuyisela kuthi ngegazi nentshutshiso enkulu.

Nangona kuyinyani nje oko, kodwa uthi wakukhangela isimo salo uhlunguzele intloko, ibe ngathi ezo nto zenzeka kumakhulu amawaka eminyaka esingasayikhumbuliyo.

Umbuzo kukuba ingaba yile nto sasithetha ngayo na le xa sasisithi sifuna ukuziphathela ngokwethu ilizwe lethu?

Kubantwana abazelelwe kulawulo lwentando yesininzi alenzi ntsingiselo eli bali lethu. Ewe singade sibe salizuza ilizwe ukuba libe sezandleni zethu; kodwa ke linjani kwezo zandla zethu?

Ingaba oku sikubonayo koko sasifuna kona ngokuthabathela ulawulo lwelizwe lethu kuthi? Abo lalisaya kuba sezandleni zabo bathini xa besibona silenze lanje? Bathi khangela ke uMntu!

Ongasekhoyo ubawo uRholihlahla wathabatha uMnumzana De Klerk wamenza usekela-mongameli wesibini ekuthabatheni kwethu iintambo zolawulu.

Isizathu sasicace okomva webhokhwe inyuka eqolweni; yayikukuzuza amava okuphathwa kwelizwe.

Kaloku nangona sasilifuna libuyiselwe kuthi nje ilizwe lethu, into yokuba sasingenamava okuphathwa kwelizwe ngokwaseburhulumenteni obumiyo yayisekuhleni.

Olwethu ulwazi ngokulawulwa kwelizwe lwaluphelela ekuphathweni kwezizwe zakumawethu ngokobuhlanga bethu (ubukhosi nobukumkani), hayi ukuphathwa komndilili welizwe lonke.

Ngoku sineminyaka engaphaya kwamashumi amabini siziphathele ilizwe lethu. Simelwe ngumbuzo ke wokuba ingaba siliphethe ngale ndlela sasijonge yona na xa sasifuna ukuziphathela.

Isuke yangathi sisizimisele ukutshabalalisa kwanto eyenza ukuba ilizwe lihambele phambili. Sifunzele kumzekelo weZimbabwe, kwaye kungekudala siza kube sifana nayo twatse.

Njengokuba sixakeke kukulichitha nje, abo sasilohluthe kubo basothamele besezimboniselweni, bathi khangela ke abantu abamnyama. Isingathi ngesasingazange siyivume kwale nto yokubizwa ngokuba singabantu abamnyama, kuba ngoku nezenzo zethu isuke yazezobumnyama.

Esandleni sethu ikamva lesizwe lisemngciphekweni. Yonke into esayizuza ngegazi siyiphathele induku novutha. Izenzo zethu zezesibaxo kwaye zibonakalisa ukusilela kobuthanda-zwe. Sikhonze iziqu ngaphezu kwekamva lesizwe.

Izigqibo zethu kwezopolitiko zibonisa ubuqhitala obugqithisileyo kwaye ziluchaphazela kakubi uqoqosho. Amalungelo esawamisela ngoMgaqo-siseko siyawaputyalaza okwenyanda yamathumbu.

Kumagqwirha esinawo ingaba akusekho nelinye na elilithanda-zwe lisithakathe sonke nkalwana zonke ukuba sithande isizwe nabantu baso ngaphezu kokuxunela kokukokwethu kuphela? Ndincaza kumagqwirha nje kukuba engomthandazo into ayisenakulunga, kuba into enobuThixo iyahlanjelwa kweli lizwe. Ubuthi mhlawumbi yiyona nto inokwamkeleka lula njengoko sikhulela kuyo.

Xa kwakumbovu ukuba siyifumane inkululeko sasinabantu ababesithi asoze umlungu aphathwe ngumntu ontsundu. Kunjalo nje bayithetha loo nto de kwaphuma iziphumo zovoto, besithi umntu ontsundu akazuphumelela.

Mhlawumbi babenyanisile, kuba ke naku nangoku sisilela ekuphatheni. Uninzi lwabelungu naluya luthe gcobho ebhotolweni, luziqhubela izinto zalo lusikrobe emboniselweni.

Aluchatshazelwa nto kubuhiba bethu. Lusakubona ukuba izikhukhula zingxamele ukunyukela nakwiingxande zabo ezinde, uninzi lwabo luza kusuka luthwale iintente zalo luye kumazwe aphesheya kweelwandle basishiye sipixana.

Ligcuntswana kuthi abanako ukuyisaba le ngqushu baye kumazwe aphesheya; uninzi luza kusala apha.

Intetha ehlambelayo ethi “ungenzani ngoMntu” ingxamele ukusifanela. Lo mandlalo siwandlalayo uza kulala kwathina, okwenkomo isiwisa ubulongwe ebuhlanti kanti buza kubuye bube ngumandlalo wayo. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba