‘Into ebuhlungu ngobom kukuba asiphumeleli sonke’

Ixesha le holide zehlobo lelona xesha ndilithanda kakhulu apha enyakeni. Kwezi veki zimbalwa zigqithileyo bendonwabe ngolona hlobo nezihlobo zam, izizalwane nabantu endabagqibela kudala kakhulu.

Enye into unyaka ka-2016, ubungowona nyaka othe wanobunzima kubantu abaninzi. Noxa kunjalo ke, zikhona ezazinto zimbalwa ezikhwankqisayo.

Umzekelo andikayazi intsingiselo yezandibano kuthiwa zi “Re-Unions” ukuba yhintoni kanye kanye. Ndiyazibuza ukuba inoba xa udibene nabantu oneminyaka engaphaya kweshumi wagqibela ukuthetha nabo, nithetha ngantoni? Umzekelo, sele ndineminyaka engaphaya kweshumi ndaphumelelela uGrade 12.

Siphume sathi bhazalala ukuya kwaNokholeji, ekugqibeleni sazizinto ebesifuna ukuba zizo. Noko, umntu ongathethanga naye iminyaka engaphaya kweshumi, kobubuxhakaxhaka bamakhasi onxibelelwano ndiye ndithathe ukuba awusenabudlelwane naye. Ndiye ndibhidwe ke xa ndifumana izimemo zezindibano ukuba inoba sizofika senze ntoni?

Into ebuhlungu ngobom kukuba asiphumeleli sonke, xeshanye, ndlela nye. Xa ndigodukile andiye ndive kamnandi xa ndidibana nongxa wam endadifunda naye, enamaphupha, kwaze kwathi ngenxa yeemeko zobom wazibona sele ehlamba iimoto zabantu ukususa ikati eziko.

Eza ndibano, ndiye ndizibone kuyindlela yokujonga ukuba ubani, uphumelele kangakanani yaye unantoni. Imbekephi ke lo nto umntu ongakwazanga ukufezekisa amaphupha akhe?

Noxa kunjalo ke kodwa, ndicinga ukuba kumnandi kakhulu ukudibana nabantu owabagqibela kudala xa sele nibadala. Babakhona ne noorheme abahambela phezulu begaxe amagxa apha kwi “Big Days”.

Lagenge isuka kwizixeko ezinamagama atsho kuqala, ezi ofika zihamba ngeminyobo eneenombolo ezingoo GP, CA, ND. Pewu! Sobhula kuseliwa ndiyakuxelela. Nithi nixhela ebuhlanti ibe ixakekile ne ‘tablet’ indoda icofa-cofa iluma nalapha esilungwini, ikhala ngo “most definitely”.

Onomdade kebona ubava ngokuthi “Oh my Gosh” mpela, afakwe nalapho kungekho sidingo khona. Caba umntu naxa sele elambile uyakuva ngaye ekuronta esithi “Oh my Gosh andaaalamba!”, uqonde ukuba hay’ singenile nyhani kwezi ntsuku zinkulu.

Zonke ezozinto ke zenza ukuba kubemnandi ukugoduka ngexesha leyoMnga. Ukubona izimbo zabanye abantu, ukonwaba kunye nokwabelana ngezinto ezahlukileyo.

Njengokuba uqalile ke lo nyaka mtsha, nam ndithi manditshile ndidedise umsinga kweli khasi ngezimbalelwano zam zimfutshane. Kulapha apho esizothi sabelane ngezimvo, sonwabisane, kwaye sikhuthazane.

Ngala mafutshane, mandikunqwenelele unyaka omtsha noyokozela zintsikelelo u2017!