Sikhangela ababhali beencwadi zesiXhosa

Kule veki iphelileyo siye sanethamsanqa lokumenywa kumnyhadala weencwadi zabantsundu, iAbantu Book Festival nalapho kucelwe umhleli akhe athi gqabagqaba ngomba wokushishina nokupapasha ngesiXhosa.

Kwezi ncoko kuye kwathi qethe into ebuhlungu yokunqaba kweencwadi zesiXhosa. Lo mnyhadala ubuququzelwe ngabantsundu kwaye bazame konke abanako ukuqinisekisa ukuba bafumana zonke iincwadi zababhali abantsundu ukuze zithengiswe pha eRhawutini.

Sithe sakubona ukuba azikho iincwadi zesiXhosa kumcimbi onje sabona ithuba.

Singathanda ukuva kuni bafundi bephepha ukuba baphi ababhali beencwadi, abantsundu? Bapapashwa ngubani?

Uninzi lwabo baye bafike apha eofisini yethu siye sifumanise ukuba bazipapasha ngokwabo iincwadi zabo kwaye abakwazi ukuzenza zibe ninzi.

Singathanda ukuncedisa. Kodwa kwakufuneka siqale sive iingxaki zabo bazama ukupapasha iincwadi zabo zesiXhosa. Baxinga phi? Ukuba wazi nabani na obhale incwadi kodwa osokola ukufumana umpapashi singathanda ukuva kuwe okanye kuye.

Siliphepha elisebenza ngesiXhosa sinazo noko izixhobo zokufezekisa eminye yale minqweno yokupapashwa kweencwadi zesiXhosa. Yinto apha ebekumele ukuba sayiqala kwakudala.

Sibhalele ku isibhalo@inl.co.za okanye usithinte kule nombolo kaWhatsapp ingentla. Kutheni zingekabikho iincwadi ezichaza ubomi boosomashishini abantsundu, ezibhalwe ngesiXhosa? Ziphi iincwadi zeemoto zesiXhosa? Ziphi iincwadi ezibalisa ngobomi booBrenda Fassie okanye iimvumi ezintsundu ezibhalwe ngesiXhosa? Ziphi iincwadi ezifana ne “Imihlinzo” kaPastor woMhlobo Wenene? Ziphi iincwadi zokupheka ezibhalwe ngesiXhosa? Ndingazibala zibenininzi iincwadi ekusafuneka zibhalwe ngesiXhosa.

Ngamathuba la. Masisebenzisane. Ngethemba.