Bagwetywe ubomi entolongweni abafunyenwe benetyala lokubulala

Ukusuka ekunxele nguMkhululi Luwaca ongasekhoyo, noongxa bakhe awayebanjwe nabo nabagwetywe ubomi entolongweni uBongani Dephana kwakunye noIndiphile Mhlophe. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

Bagwetywe ubomi entlongweni abafana ababini bakwaLinks eMthatha yinkundla ephakamileyo eMthatha, emva kokufunyanwa benamatyala aquka ukubulala, ukuxhomisa nokuxhwila.

UBongani Dephana(22), noAndiphile Mhlophe(21) bafunyanwa benamatyala yile nkundla emva kokubulala abafundi ababini uCarl George kunye noJack Miller belali yakwaPayne eMthatha emva koko baphosa imizimba yabo eMthatha Dam kwinyanga kaCanzibe yonyaka ophelileyo.

 Ijaji ebichophele elityala uZamani Ntlangulela uphinde wanika esisibini isigwebo seshumi elinesihlanu leminyaka ngokuxhomisa kwakunye nemibini ngokuxhwila amaxhoba.

Abarhanelwa babanjwa kwintsukwana emva kwesi siganeko kulandela umkhosi owawuhlatywe ngaamapolisa ecela uncedo elinokuwakhokelela ekubanjweni kwabarhanelwa emva kokufunyanwa kwemizimba yeso sibini.

Noxa kunjalo iintsapho zamaxhoba azikaxoli ngenxa yendlela ababulawa ngayo aba bafundi. Umrhanelwa wesithathu uMkhululi Luwaca wafunyanwa ezibulele kwinyanga ephelileyo kwintolongo yaseMonti apho ubetsala ishumi nesihlanu leminyaka ngetyala lokudlwengula. 

Angaphezulu kweshumi amangqina anike ubungqina aquka izihlobo zalamadoda, abahlobo kwakunye nothotho lwamapolisa awayekhona ngethuba kuyokhonjwa indawo ekwaphoswa kuyo amaxhoba ephila ngosuku lwesiganeko. 

Ebudeni betyala abarhanelwa batshintsha ubungqina namagqwetha kwinto eyachazwa yinkundla njengelinge lokuzama ukusinda kwityala.  

URhona Miller ongunina welinye lamaxhoba uJack Miller uthi uxolile sisigwebo. ” Siyavuya befumene izigwebo eziqatha nangona abantwana bethu bengazubuya. 

Sizokwazi ukuphosa kwelokulibala okwenziwa kubo kodwa akukho lula nanjengoko ngebesenza izifundo zabo kumaziko emfundo enomsila kwaye akuzutshintsha nto. Ubulungisa benzekile, sibulela ijaji nomtshutshisi.”

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso uLuxolo Tyali uthi bonelisekile sisigwebo senkundla. 

UTyali uthe “Siyasamkela isigwebo ngethemba lokuba sizofikelelisa lomba ekupheleni, siphinde sifundise ulutsha olusafuna ukulandela indlela yolwaphulo mthetho lokubulala abantu.”

Isigwebo sokuxhwela nokuxhomisa zizohamba ngexesha elinye.