Usomashishinikazi uzakubaleka eGugulethu

Nondumiso Pikashe

Ngomso, umhla we 16 kweyoMnga, kuzakubalekwa kwiRCS Gugulethu Race. Namhlanje sithetha noNondumiso Pikashe, usomashishinikazi oyinzalelwano yaseGugulethu eKapa, ukwanguye nomnikazi womdiliya omfaxangiweyo owaziwa ngelikaSes’fikile Wines.

Uyimbaleki ekuthandayo oko, ekwalilungu leRCS Gugulethu Club.

Isolezwe: Yintoni eyenza umdla ngeGugs Race kwiimbaleki ezifana nawe?

Nondumiso Pikashe: Ndazalelwa kule lokishi yembali – kukho iinkumbulo ngayo. Indikhumbuza sisebancinci, sibaleka ezitalatweni zalapha, sidlala imidlalo efana no “black black mampatlie” kwakunye no “roundas” neminye.

Sasingatyhafiswanga kukungabikho kweendawo ezilungiselelwe imidlalo. Lo mdyarho weembaleki kukubhiyozela oko sikwaziyo ukukwenza. Ayijonganga ekuphumeleleni imbasa nje kuphela koko nokuzigcina usempilweni.

IS: Ingaba kukho ukukhula kulo mdyarho ukususela oko wathi wasungulwa? Ukuba kunjalo ingaba yintoni unozala wale mpumelelo?

NP: Ikhule ngokumandla kuzo zonke iintlanga, nangokwesini. Kungenxa yobumbano esinalo njengeqela. Kukho uthando, ukuzinikela ngokuthi nibambisane, indlela evulelekileyo yonxibelelwano, inkuthazwano, ukuzingca ngombala omnyama no-orenji. Bubuhlobo obukhatshwa kukuthembana esibubonakalisa ekuzilolongeni nasemidyarhweni.

IS: Ingaba abantu abaphumeleleyo kwezoshishino njengawe banendima emandla ekufanele bayidlale ekuphuhliseni iindawo zabahluphekileyo? Ingaba lo mdyarho waseGugs uyakunceda ekuphumezeni oko?

NP: Ndiyacinga ukuba wonke ubani unendima anokuyidlala, ayiphelelanga kuthi bakwezoshishino. Baninzi nasebesidla umhlalaphantsi abanezakhono ezinokwenza igalelo elinokwenza umehluko. Abantu abanjalo banamava angasetyenziswa ngokufanelekileyo.

Lo mdyarho waseGugs uyinkuthazo kwiindawo ezininzi zasekuhlaleni. Ingumzekelo ophilayo wentlalo yoluntu. Siyancedana ngezithuthi xa sisiya kwimidyarho, nakwezinye izinto esikwaziyo ukuncedana ngazo.

IS: Zeziphi iingcebiso onokuzinika iimbaleki eziqalayo ukubaleka kwiGugs Race?

NP: Yonwaba, kodwa ulandele imigaqo yabo bajongene nomdyarho kwakunye namagosa endlela.

IS: Isihloko somdyarho sithi, “uxolelwaniso” kuthetha ntoni kuwe oku, kwaye ngalo mdyarho lungaxhamla njani uluntu ngokubanzi?

NP: Uxolelwaniso lithatyathwe kwelo lezepolitiki. Sithi ayingomsebenzi karhulumente kuphela ukwakha ubumbano. Wonke ummi weli unendima anokuyidlala ekwenzeni eli lizwe lethu lihle ngcono. Sayithathela kuthi ezandleni lo nto singamalungu eqela leembaleki laseGugulethu iGugs Athletic Club. So, kum uxolelwaniso luthetha ukuba ndiyazixolela mna, nokuqhubeka ebomini bam, emva koko lo nto iphumela nakwabanye.