‘Umntu onokuvusa le khritshi ndingamnika inxiwa’

Usibonda welali yaseQhorha iGqukesi uMaphelo Bambela emi phambi kwesikolo soonoomgqushwana esidilike ngenxa yesitshingitshaneUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

USIBONDA welali iGqukesi eQhorha eDutywa uMaphelo Bambela uthi angamnika isiza sokwakha naye nawuphi na umntu onokunceda ekuvuseni ikhritshi yale lali emagumbi mabini nethe yachaphazeleka kwinkanyamba ebisandul’ ukuhlasela eDutywa.

Yiminyaka ingaphaya kweshumi abahlali baseGqukesi bezama ukwakha le khritshi ngeenjongo zokuba abantwana babo bafundele phantsi kwemeko esemgangathweni. Emva kwale mizamo, ide yema ikhritshi yaseGqukesi kulo nyaka emva kwegalelo likarhulumente ekhokelwa ngabahlali.

Kodwa inkanyamba ehlasele imimandla yaseDutywa kwinyanga ephelileyo, iyishiye iwe bhum le khritshi ebihlelelwe ukuvulwa kunyaka ozayo.

Le khritshi ibisele igqityiwe ukwakhiwa, futhi ibisele ibethelelwe nangamazinki.

UBambela uthi bakhathazeke kakhulu bengabahlali, emva kwale ntlekele. “Ilinge lokwakha le khritshi siliqale ngo2004. Ngenxa yokunqongophala kwemali, siye sakwazi ukuyigqiba kulo nyaka, emva koncedo lukarhulumente ngezitena,” utshilo uBambela.

UBambela uthi ngenxa yemfuno yekhritshi eGqukesi, abantwana bale ndawo bafundela emizini yabantu.

“Besinethemba lokuba ngonyaka ka2017 iyaphela into yabantwana bethu abafundela kwimizi yabantu kodwa ngoku onke loo mathemba amke nenkanyamba,” utshilo uBambela.

Lo sibonda ucela uncedo kurhulumente, abezoshishino okanye abantu abanesisa. “Umntu onokuvusa le khritshi ndingamnika inxiwa,” utsho uBambela.

Ethetha kwiveki ephelileyo, uSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda uthe baqaphele ukuba ziliqela iindawo ezihlaselwe yinkanyamba kwinyanga ephelileyo. “Ngoncedo looceba bethu, sithe gqolo ukunxulumanisa abo bakwimfuno yoncedo neminyango efanelekileyo,” utshilo uJanda.

Onomdla wokunxibelelana noBambela, angamtsalela kulo mnxeba: 073 461 9826.