Umfundisi waseZCC kwizityholo zokudlwengula intwazana engaphilanga

Amapolisa
aseMsobomvu eGcuwa abambe avalela umfundisi wetyalike iZion Christian Church
(ZCC) ngezityholo zokudlwengula intwazana yaseGcuwa engaphilanga.

Isithethi
samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi lo mfundisi, oneminyaka
engamashumi amane anesithathu, ubanjwe ngoLwesihlanu emva kokuba le ntwazana,
eneminyaka elishumi elinesibhozo, ibikele amapolisa aseMsobomvu.

“Kurhaneleka
ukuba lo mfundisi uthathe le ntwazana wayokuyihlamba ngeyeza emlanjeni okufuphi
nebhulorho, nanjengoko ibisithi ayiphilanga. Bebebobabini kuphela kwaye kulapho
kutyholwa ukuba unyawontle lo uthe wabamba le ntwazana kumalungu angasese.

“Emva
kokuyihlamba, lo mfundisi uqhube imoto waya kwikhaya lexhoba. Kwangolusuku
lunye, lo mfundisi uthathe le ntwazana kwikhaya layo baya kwityotyombe elithile
kufuphi naseBika eGcuwa,” utsho uManatha.

“Bakufika
kwityotyombe, le ntwazana iyalelwe ukuba ikhulule iimpahla zayo. Nomfundisi
kananjalo uye wakhulula, emva koko ixhoba lityhola ngelithi lo mfundisi uye
walidlwengula,” utshilo uManatha.

Lo
mfundisi kulindeleke ukuba avele enkundleni yaseGcuwa ngoMvulo umhla weshumi
elinesibini kule nyanga.