Izakuqasha abasebenzi bokuval’ amanzi avuzayo iNelson Mandela Bay

USodolophu waseNelson Mandela Bay uAthol Trollip, ephelekwe nguAnnette Lovemore ojongene nezobunjineli kwiKomiti kaSodolophu, bekunye nabasebenzi balo masipala kwiziko elojongene neengxaki zokuvuza kwamanzi. Umfanekiso: Uthunyelwe

Umasipala waseNelson Mandela Bay uthi ukuze uphumelele idabi lamanzi avuza kwimibhobho yalo masipala kufuneka beqashwe ngokuthe xhaxhe abasebenzi abaqeqeshelwe lo msebenzi. 

 

Lo masipala uthi uphulukana nomlinganiselo ongangekota yonke yamanzi awo, ngenxa yemingxuma ekwimibhobho. 

 

“Ukuze siqubisane neli dabi, kufuneka sibenasebenzi abaqeqeshelwe lo msebenzi (iiplamba). Bekufanele ukuba sineeplamba ezingamashumi amahlanu anesine kodwa sinamashumi amabini ananye kuphela,” utshilo uAnnette Lovemore olilungu lekomiti kaSodolophu kwicandelo lobunjineli neziseko eNelson Mandela Bay.

ULovemore uthi ekuqaleni konyaka ozayo kuza kuqeshwa abasebenzi (iiplamba) abathe xhaxhe kweli candelo.

 

ULovemore ukwathe rhoqo ngenyanga lo masipala ufumana iminxeba engamawaka amathathu yabantu balo masipala ababika ukuvuza kwamanzi