Ugwetyiwe owadlwengula umakhelwane wakhe

Inkundla yengingqi yaseMthatha igwebe imimnayaka engamashumi amathathu anesithandathu uBonke Bushula (21), welali yaseSitebe koMkhulu emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula, ukuqhekeza nokuhlaba ixhoba.

Isithethi seGunya-bantu lezoTshutshiso kula mmandla uLuxolo Tyali, uthi uBushula waqhekeza ifesitile kwigumbi ellilele intwazana eneminyaka elishumi elinesixhenxe ilele wayidlwengula. Oku kwenzeka kwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka.

“UBushula wayesasiwa lusapho lwexhoba njengoko kukho ivenkile kwaye wayesiya qho ukuyokuthenga. Ngalo mhla aqhekeza ngawo ifesitile wayesazi ukuba umama wexhoba akekho, akungena walidlwengula eliphinda-phinda akugqiba walihlaba wathatha nomnxeba wexhoba elo,” utshilo uTyali.

Utyhali uqhuba athi, ixhoba lakwazi ukuphuma layobikela abamelwane ngokwenzekileyo kulo. Ityala lavulwa kwisikhululo saseBityi umrhanelwa wabanjwa kwangoko, nomnxeba wexhoba awayewuthathile wafunyanwa kuye.

Phambi kwenkundla uBushula waliphika ityala, etyhola ixhoba ngelithi lalifuna imali, nto leyo eyakhokelela ukuba alihlabe, kodwa inkundla yafumanisa ibubuvuvu obu.

IGunyabantu lezoTshutshiso lisamkele esisigwebo lisithi siyakuba sisifundo nakwabanye. 

Ibeyiminyaka engamashumi amathathu ngokudlwengula, yamithandathu elokuqhekeza ze yalishumi elinesibini elokuhlaba.