Linikwe iingcebiso ulutsha oluswele ingqesho ePort Alfred

Ithala leencwadi phantsi koMasipala iNdlambe ePort Alfred lenze umcimbi apho belumeme ulutsha oluphantsi kwalo masipala, apho belixhotyiswa, lifundiswa ngezinto ekufanele lizenze ukuzakha ukuze libe nekamva eliqaqambileyo.

Lomcimbi nobubizwa ngeYouth Empowerment ububanjelwe kwiholo yaseTiti Jonas kwaDuza, kwalapha ePort Alfred.

UBulelani Vena osebenza kwiinkqubo ezikhethekileyo kweli thala leencwadi uthe unobangela wokuba benze lo mcimbi kukulityalwa kolutsha olungekho zikolweni nanjengoko izinto ezininzi zigxile kulo, lungasiwa so oluhleli liswele into yokwenza ezilokishini.

Uqhube wathi,”Lininzi ulutsha oluhlala elokishini olunezakhono kambe abanye baphumelela ibanga leshumi ngoku baxakwe zizinto amabazenze, silapha ukuzobafundisa sibaxelel zintoni abakuzenza ukuphuhlisa izakhono abanazo.

Sibonile ukuba masincedisane nolutsha ngokuba simeme amasebe ajongana nolutsha ukuba eze kule ndawo yasePort Alfred kuba sisazi kunzima kubo ukufikelela kwezidolophu afumaneka kuzo.,” utsho uVena.

Lo mcimbi ubuzinyaswe naligosa eliphuma kwisebe lophuhliso loluntu, uBongan Dixon nodize iinkqubo zolutsha eziphantsi kweli sebe. Uthe, “Ingxaki esijongene nayo ulutsha aluzi ngaphambili ukuzofuna uncedo.”

UNosidima Maneli osuka kwiNYDA kwicandelo lwezakhono kunye noqeqesho ubalule uncedo kulutsha olunenjongo yokuziqalela amashishini, elibudala buphakathi kweminyaka elishumi elinesine ukuya kumashumi amathathu anesihlanu. 

Uthe iNYDA inemali exhasa ngayo ulutsha kwezoshishino kodwa kufuneka baqiniseke ngoncedo abalidingayo, ibe lulutsha olusebenza kwindawo enye.
 
Loka Maneli ukwabongoze ulutsha ukuba lungahlali phantsi, lisebenzise izakhona elinazo ukwenz’ impilo zalo ngcono.”Ulutsha maluchithe ixesha lalo  ezintweni ezakhayo,singuNYDA sikhololo lonto, ukunceda lona,” utsho uManeli.

UNandipha Faliteni ongomnye wolutsha ebelizimase lo mcimbi ulithakazelele inyathelo likamasipala, kodwa wathi kunzima ukufumana ulwazi kuba ePort Alfred zingekho ii-ofisi zoNYDA namanye amaziko.

“Siyavuya xa bekwazi ukusizisela lamasebe singenawo apha kwaye ndiyathemba sizakufunda lukhulu sitsho sikwazi nokuncedakala.”utsho Faliteni.