Ubuqhetseba nobuqhophololo bucudisa inkqubela yesizwe

Umfanekiso oselugcinweni, inkulumbuso yeMpuma Koloni uPhumulo Masualle
Ukunwena kwamatyotyombe, intswela-ngqesho kwanokukhula kwenani labantwana abazinkedama yinto ebinokunqandeka xa iinkokeli zikarhulumente bezinokubeka iimfuno zabantu phambili. 

 

Oyena nobangela wokunwena kwamatyotyombe, intswela-ngqesho kwanokukhulu kwenani leenkedama bubuqhetseba nobuqhophololo, kuba la matyala mabini acudisa inkqubela-phambili yelizwe. 

 

Oku kuvakaliswe ngumtshutshisi wombuso ophezulu kwigunya-bantu lezotshutshiso eMpuma Koloni uAdvocate Thenjwa Sellem. “Xa iinkokeli zethu bezinokohlukana nokuzibandakanya nobuqhetseba kwakunye nobuqhophololo, iingxaki ezijamelene nabantu bakuthi bezinokuncipha ngendlela engummangaliso,” utshilo uSellem. 

 

USellem ebethetha eSteve Biko Centre eGinsberg eQonce ngoLwesihlanu apho urhulumente wephondo ebeqaphela usuku lwehlabathi lokuchasana nobuqhophololo (International Anti-Corruption Day). 

 

Lo msitho ubukwazinyaswe yiNkulumbuso uPhumulo Masualle, abanye babaphiswa bakhe, iintloko zamasebe aseMpuma Koloni, uMkomishinala wamapolisa ephondo uLieutenant General Liziwe Ntshinga, kwaneenkokeli zamacandelo athwaliswe uxanduva lokuthintela nokuphanda ubuqhophololo. 

 

USellem uthi eyona ndlela ivamileyo yokwenza ubuqhetseba nobuqhophololo eMpuma Koloni kuxa kukhutshwa iithenda. “Yeyona ndawo sifumanisa ukuba ubuqhetseba nobuqhopholo benzeka kakhulu kuyo. 

Enye indawo yile yeenkampani ezithoba amaxabiso eethenda kuba zifuna imali karhulumente ngondlela-mnyama,” utshilo uSellem. 

 

Ethetha kulo msitho uMasualle uthi ubuqhetseba nobuqhophololo ngumbulalazwe. “Ubuqhetseba nobuqhopholo benza kubenzima ukusiwa kweenkonzo eluntwini, kuba imali ebifanele ukuba iya eluntwini iphelela kumagosa anorhwaphilizo,” utshilo uMasualle.