Iziphumo zoluleko ziyeza kwiveki ezayo

Kungentsuku zatywala, uShakes Mashaba, uzakuthi anikwe iziphumo zenkqubo yoluleko ebethawuza kuyo ukusukela ngoMvulo ukuzothi ga nanamhlanje. kucingeleka okokuba zingakhutshwa ngempelaveki okanye kwiveki ezayo iziphumo.

Lo mqeqeshi weBafana Bafana wabekwa ityala ngumbutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika, iSAFA, emva kwesiphithi-phithi esenzeka emva komdlalo weBafana Bafana kwinganga ephelileyo.

Kuthiwa uMashaba wathuka iintatheli, akahlonipha usihlalo weSAFA, ugqirha Danny Jordaan phakathi kwamanye amatyala ekucingeleka ukuba ujamelene nawo.

UMashaba wanqunyanyiswa emva komdlalo owawuseLimpopo, ePeter Mokaba Stadium – apho iBafana Bafana yathi yabetha khona iSenegal ngo’2-1 kwinyanga ephelileyo kumdlalo wokuzibekela indawo kwiFIFA World Cup ka’2018 ezakube iseRussia.

Kunokwenzeka uMashaba agxothwe ukuba ufunenywe enetyala yikomiti yoluleko. Ukugaxeleka kwalo mqeqeshi engxakini kungasetyenziswa ngabathile kwiSAFA njengecebo lokumsusa kwisikhundla sokuqeqesha emva kokungakwazi kweBafana Bafana ukuya kwi-2017 Africa Cup of Nations (esekuqaleni konyaka ozayo).

Lo nto zange izonwabise izikhulu zeSAFA futhi kukho ukuxhalaba okuthile ngenxa yendlela elidlala ngayo iqela lesizwe kwimidlalo ebalelulekileyo.