Lixolile sisigwebo ngakubabulali bonyana walo usapho lakwaNdlwana

Usapho lwakwaNdlwana
kuCofimvaba lithi lixolile sisigqibo senkundla kamantyi wale dolophu sokufumana
amadoda amathathu enetyala lokubulala unyana walo.

Amadoda amathathu
angamalungu osapho lakwaGwabeni, uMpendulo, uLubabalo kunye noYandani
bafunyenwe benetyala lokubulala uAzuzile Ndlwana.

Le nkundla igwebe uMpendulo
noLubabalo iminyaka elishumi, waza uYandani wanikwa esibhozo bethothoza
entolongweni.

Eli tyala litsale
iminyaka emithathu kwaye olu sapho lithi ekugqibeleni ukunyamezela kwalo lisiza
enkundleni kuze neziqhamo nobulungisa kunyana wabo.

UAzuzile owayeneminyaka
engamashumi amabini wabethelwa ugqirha nezicaka, etyholwa ngokuba iibhotile
ezisibhozo zotywala emtshatweni wakwaGwabeni, ezaphinda zafunyanwa kamva kwindawo
engenanto yokwenza naye.

Inkundla kamantyi ive ukuba uAzuzile nomhlobo
wakhe uChumani Qongqo babethwa ukususela kwintsimbi yesithandathu kusasa, bebotshelelwe
epalini ngentambo yokubopha iinkomo de kwaba yintsimbi yesixhenxe malanga.

Umantyi uthi abamangalelwa uMpendulo, uLubabalo kunye noYandani babonakalise ukuba neentliziyo
ezilukhuni ngelixa besohlwaya esi sibini.

Uqhube wathi ”Umfi
uphulukene nobomi bakhe ngento angayenzanga atshabalala amaphupha akhe nosapho.”

Ukwathe, nangelixa usapho lakwaNdlwana lisihla
linyuka likhangela unyana walo odukileyo, aba bakwaGwabeni abazange beze
ngaphambili nangona bebemazi ukuba uphi.

Banika iingxelo
ezingenabunyani besithi, bamngxolisa njengomntwana xa owonile abayiphatha
eyokuba bamse isandla.

Ugxa wakhe uChumani uthi
uAzuzile wagqityelwa ukubonwa esaphila ngethuba esi sithathu sakwaGwabeni
sifika bekunye kwikhaya lakwaQongqo bemamele izivubeko emva kokubethwa bamthatha
bamfaka evenini ngasemva.

Umzimba kaAzuzile
wafunyanwa ulahlwe ngakwidama laseNcorha, ngumalusi owayezihambela, emva kweentsuku
eziliqela ekhangelwa.

Esi sithathu saye
sabanjwa sabekwa ityala lokubulala emva kokuba uphando lafumamisa ingabo
abagqityelwa ukubonwa benomfi esaphila.

Bobathathu balikhanyela ityala nangona bonke ubungqina obuthiwe thaca enkundleni bukhomba
kubo.  Inkundla isikhabile isicelo sabo
sokubhena.

Usapho
lwakwaNdlwana  lithi unyana walo uza
kulala ngoxolo umthetho uyidlalile indima yawo.