Ayifikanga igalelekile iDiski Challenge, eMdantsane

IChippa United edlala kwiMultiChoice Diski Challenge ilungiselela umdlalo wayo wempelaveki eSisa Dukashe Stadium. Umfanekiso: Sithandiwe Velaphi

Iintsuku zizakuba mbini abalandeli bebhola ekhatywayo bebukela ibhola esezingeni eliphezulu eMdantsane. Njengokuba yayithembisile ekusungulweni kwayo, iMultiChoice Diski Challenge, iyagaleleka nemidlalo yayo eSisa Dukashe Stadium ukusukela ngentsimbi yeshumi ngoMgqibelo ukuya ngeCawe.

Nangona ekuqaleni bekukho intandabuzo ngokuza kwale midlalo ngenxa yemeko embi yamabala – kodwa ukuza kwayo le midlalo eMdantsane, ephantsi komasipala ombaxa – iBuffalo City – akuyiyo tu imposiso ngoba le yenye yeendawo ezinabantu abaninzi kakhulu kwilizwe loMzantsi Afrika emva kweSoweto.

Oyena mdlalo uphambili nekulindeleke utsale umdla wabantu kakhulu ngulowo uphakathi kweChippa United neMamelodi Sundowns ehamba phambili ngamanqaku kwiMDC. IiChilli Boys, emva kokubetha iKaizer Chiefs kumdlalo wazo odlulileyo, zincwase ukubetha iDowns ukuze zivale unyaka zisendaweni entle kakhulu.

Umqeqeshi Chippa United (edlala kwiMDC), uGlen Minnie, uthe abantu mabeze ebaleni ngobuninzi babo – bazozibonela ibhola ekhatywayo. Kodwa soze ichamze iChippa tu kwiDowns; ayikho phezulu ngempazamo. Njengokuba iSundowns isiza eMpuma Koloni nje, ifuna ukufinca lo nyaka ngempumelelo ukuze kunyaka ozayo ithathe apho iyeke khona ihleli endaweni entle.

Eminye imidlalo ezakudlalwa ngoMgqibelo iquka ophakathi kwePlatinum Stars neBloemfontein Celtic, ulandelwe ngophakathi kweSuperSport United ne-Orlando Pirates. Kanti ngeCawe kuzakuthi kutshayelele iKaizer Chiefs neMaritzburg United phambi kwalowo weChippa neSundowns.

Le midlalo yeDiski Challenge yeyokugqibela kulo nyaka, iyakubuya kunyaka ozayo.