UMashaba ucele iveki ezayo kwiSAFA

Shakes Mashaba ngumqeqeshi weBafana Bafana. Umfanekiso: BackpagePix

Umqeqeshi weBafana Bafana onqunyanyisiweyo, uShakes Mashaba, uzakuvela phambi kwekomiti yoluleko yeSAFA kwiveki ezayo. Oku kulandela isicelo esenziwe nguMashaba.

UShakes uzakuthawuziswa emalahleni yiSAFA emva kokubekwa isityholo esingabhebgezwanga ngabaqeshi bakhe. Yasizwa le ndedeba emva kokuba iBafana Bafana yabetha ilizwe laseSenegal ngo’2-1 kumdlalo wokuzibekela indawo kwi-2018 FIFA World Cup obusePeter Mokaba Stadium kwinyanga ephelileyo.

“Inkqubo yoluleko ebandakanya umqeqeshi weBafana Bafana [uShakes Mashaba] imiselwe iveki ezayo ngoLwesine” utshilo uDominic Chimhavi kuTwitter.

Akukho sizathu sichaziweyo esibangele ihlehliswe le ntlanganiso.

UShakes Mashaba ubukele esekhayeni lakhe umdlalo wobuhlobo obuphakathi kweBafana Bafana neMozambique kutshanje. Lo mdlalo waphela ebambene la mazwe ngo’1-1. Ngoku umqeqeshi obambeleyo ngu-Owen Da Gama – kodwa naye ikamva lakhe limfiliba ngoba kunokwenzeka achaphazeleke naye ukuba iSAFA iyamgxotha uShakes Mashama emva kwenkqubo yoluleko.