IiChilli Boys zifun’apha iMamelodi Sundowns

UGlen Minnie ongumqeqeshi weChippa United edlala kwiDiski Challenge umfanekiso: sithandiwe velaphi

IiChilli Boys zizimisele ukuyifundisa isifundo iMamelodi Sundowns xa la maqela edibana kumdlalo weMultiChoice Diski Challenge ngentsimbi yokuqala eSisa Dukashe Stadium eMdantsane ngeCawe.

IMpuma Koloni isingatha imidlalo yeDiski Challenge okokuqala kwisizini ka’2016/17. Njengeqela elidlalela ekhaya iChippa United ithi iqule yaligangatha.

Amakhwenkwe weMpuma Koloni adlala neDowns ebethwa ngumoya kwindawo yokuqala kuluhlu lweDiski Challenge eyingozi kakhulu – kodwa umqeqeshi uGlen Minnie uthi abantu bazakubona umdlalo omhle.

“Sesinethuba elide silungiselela lo mdlalo, sizimisele ukujongana nomdlalo omnye ngexesha. Ukuza kwemidlalo yeDiski Challenge, eBuffalo City, kuyandonwabisa mna ngoba ndakufunda apha ukuqeqesha. Amalungiselelo omdlalo ahamba kakuhle. Ndibaphumzile abadlali namhlanje (ngoLwesibini) kuba ndifuna kukhululeke imilenze yabo.

“Sizimisele ukuziqhosha zonke iindawo esicinga ukuba singabetheka kuzo ngeCawe,” kutsho uMinnie ethetha eMonti. Emva kwemidlalo esibhozo, iChippa United, ihleli kwindawo yeshumi elinanye, iphumelele imidlalo emithathu kuphela, yaphulukana nemithathu.

Umqeqeshi wayo unqwenela ukubona impucuko kwimidlalo elandelayo. “Ewe… ndonelisekile ngumsebenzi wethu kule sizini – kodwa ke xa ungumqeqeshi soze woneliseke ncam. Into endiyirhalelayo kukufumana iziphumo ezihle imidlalo ilandelelana. Sidlala umdlalo ophucukileyo kakhulu – kodwa ingxaki esinayo kukuphisa ngayo imidlalo ngamanye amaxesha. Into endivuyisayo ukuza kuthi ga ngoku yinkqubela eyenziwe ngabadlali kweli qela. NgeCawe sizimisele ukuphumelela. Asizimiselanga kuyilinda iSundowns isonzakalise – kufuneka siyisukele zisuka emdlalweni. Inabadlali abayingozi – kodwa asizikhathazi ngabadlali abathile,” kulebela uMinnie.

NgoMgqibelo: Ajax Cape Town vs Free State Stars @Ikamva Stadium 10:00; Baroka FC vs Golden Arrows @Old Peter Mokaba Stadium 10:00; Platinum Stars vs Bloemfontein Celtic @Sisa Dukashe Stadium 11:00; Highlands Park vs Polokwane City @Makhulong Stadium 12:00; SuperSport United vs Orlando Pirates @Sisa Dukashe Stadium 13:00.

NgeCawe: Bidvest Wits vs Cape Town City @Bidvest Stadium 10:00; Maritzburg United vs Kaizer Chiefs @Sisa Dukashe Stadium 11:00; Mamelodi Sundowns vs Chippa United @Sisa Dukashe 13:00.