I’solezwe liphinde lazuza imbasa

UMichael Pinyana ephethe isiqinisekiso esibubungqina bokuphumelela kwakhe imbasa UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Liphinde lazenzela igama kwakhona iphephandaba I’solezwe lesiXhosa emva kokugqwesa kwiimbasa zamawonga obugcisa.

Oku kulandela emva kokuba umfoti uMichael Pinyana ethe wabuya newonga lokuba ngumfoti ogqwesileyo kumsitho obubanjelwe eGoli weembasa zobugcisa bobuntatheli obusingathwe yiBusiness Arts SA kwakunye neNational Arts Festival (NAF).

Ukuphumelela kukaPinyana kuza emva kwemifanekiso abeyithathe eRhini ngethuba lomnyhadala wezobugcisa obanjwa minyaka le.

UPinyana uchulumance kakhulu yile mbasa. Uthi oku kuthetha lukhulu kuye kwaye kubonisa nokukhula kweli phephandaba.

“Ndiyayivuyela le mpumelelo. Ngoku songeza elesine iwonga kwingxowa yethu kweli xeshana sinalo sipapasha. Oku kukwabonisa nakuluntu jikelele ukuba sele sinalo igalelo elikhulu kwakunye nefuthe,” utshilo uPinyana.

“Nangona iphepha lilitsha impumelelo yona kwakunye nothando lolwimi lwesiXhosa lokubalisa amabali abantu. Oku kubonisa ukuba umyalezo wona uyafika eluntwini, yilo nto ndonwabe kangaka,” woleke ngelo uPinyana.

UPinyana ngumfoti onamava osele eneminyaka eliqela kweli candelo. Usebenzile kumaphepha afana neCape Argus, Cape Times, Sunday Times kwaye sele efudula ukuba ngumhleli wemifanekiso kwiphepha laseBhayi iHerald.

Usihlalo weIndependent Media uGqirha Iqbal Surve uqhwabele izandla iqela lakhe elithe laphumelela kula mawonga. “Amawonga afana nala asisiqinisekiso sokuba senza umsebenzi oncomekayo.”

I’solezwe liphephandaba lesiXhosa eliqale ukupapasha kweyoKwindla kunyaka ophelileyo. Iimbasa esele zizuzwe leli phephandaba ziquka ezimbini zakwaVodacom, eyesebe lezobugcisa nenkcubeko kwaneli lakwaNAF.