UMajodina unotshaba kumnatha

Umfanekiso kaPemmy Majodina kunye nokaBandile Magibili

Abayili mabangasebenzisi isiphiwo sabo ekuthukeni abantu. Oku kutshiwo ngumphathiswa wezemidlalo, ubugcisa nenkcubeko uPemmy Majodina ephendula kuthotho lemiyalezo wekhasi likaFacebook ezotywe ngaye nguBandile Magibili.

UMajodina ukukhalimele ukusetyenziswa kwamakhasi onxibelelwano ngelidlulisa izikhalazo nokungoneliseki ngomsebenzi wesebe lemidlalo, ubugcisa nenkcubeko esithi ii-ofisi zesebe zivuliwe kwabo bafuna uthethathethwano.

Ubalule uMagibili, ongumzobi ophuma eSterkspruit esithi ulilifa lezithuko zakhe mihla yonke kwikhasi likaFacebook.

“Akukho mini angandithuki ngayo, ngoku wenze iposta ethi intombi entshontsha imali,” uqhube watsho uMajodina.

Uvakalise udano esithi isebe lakhe limnike inkxaso yokuya eNew York lo kaMagibili ngeliyokuphucula isakhono sakhe sobugcisa.

“Ityala lam kukuba ndathi makakhuphe ingxelo kuba ngokwesivumelwano sethu ngenkxaso esamnika yona kukuba ekubuyeni kwakhe kufuneka atyale kulutsha laseSterkspruit, idabi liqale endaweni yokuba akhuphe lo ngxelo. Ngoku uthi ndinezigidi, kuyo yonke le minyhadala ndiba imali esisigidi,” uqhube watsho uMajodina.

Kwelokuziphendulela uMagibili uthe uMajodina kufanele ukuba akhule, ohlule umsebenzi wakhe kuye njengomntu.

“Ingxaki kukuba uyakuthanda ukuzigqamisa, usoloko evakala kumajelo eendaba ngathi ngumntu onceda abayili, kodwa xa sifuna oloncedo asiliboni.” Uqhube wathi, “Makangaxoki, zange ndisiwe ngabo phesheya, ndim owazizamela amathuba. Igalelo labo lishumi elinesihlanu lamawaka (R15 000) yetikiti lokuya phesheya. Ukuqala kwiVisa, indawo yokuhlala nezinye izinto ndazilungiselela.”

Ukwathe, “Isizathu sokuba ndithi uba izigidi zeerandi kukuba umane esithi ufake isigidi seerandi kumnyhadala ngamnye kweli phondo, kodwa kungabonakali njalo. Ngokomzekela kwiSondela Festival ebise Aliwal North wathi uchithe isigidi seerandi kodwa kwabe kungekho nto ibonakalayo. Kwakungekho neposta enye apha, kungekho bantu kuba abawazi, wasuka pha wayocela iikeyiki ezimbini kwelinye lamashishini angawaniki nenkxaso, yenzani phi ke le mali xa ingabonwa mntu?”

Ukwathe wawenza umsebenzi ekwakufanele ukuba uwenzile eSterkspruit emva kokuba ebuyile phesheya. “Ndayenza yonke into esasivumelene ngayo, futhi ndandisebenzisa imali yam,” ulebele ngelo okaMagibili.

johnnie.isaac@inl.co.za