Lizakumiliselwa kuKomani iphulo lexesha lokwaluka

Indlu yeenkosi zemveli eMpuma Koloni izakumisela ngokusesikweni ixesha lokwalula lasehlotyeni lalo nyaka eThobi Kula kuKomani ngoLwesihlanu weveki ezayo, umhla weshumi elinesibhozo. 


Ukumiselwa kweli phulo kunzima minyaka le, nanjengoko libonakalisa ukuqala kwexesha lokuya kwamakhwenkwe ezakuya kwisiko sobudoda ngokusemthethweni. 


Umasipala wesithili saseChris Hani kulindeleke ukuba abambisene nendlu yeenkosi zemveli kumiselwa eli phulo. Kunyaka ophelileyo la ndlu yachitha imali ephaya kumashumi amabini anesibini ezigidi zeerandi (R22 Million) ibambisene kunye nesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli.

 

Le mali yasetyenziswa ukuqesha iinqwelo mafutha ezathi zasetyenziswa ukutyelela indawo ezaluse bantwana kwimbombo zone zeMpuma Koloni.


Ngabantwana abangaphezu kwekhulu abathi bahlangulwa kwiindawo zokwalusa ezingekho mthethweni. Ukanti amashumi amabini kubo aphulukana namalungu abo obudoda, logama kwathi kwabhubha abangaphezu kwamashumi amathathu.