Umbulali kaHani ubhubhe nenyani

Umfanekiso ogciniweyo kaClive Derby-Lewis Wathathwa ngu: Juda Ngwenya/Files phantsi koREUTERS

UClive Derby-Lewis, ungqondongqondo ekubulaweni kwetshantliziyo lezopolitiko uChris Hani, ubhubhele kwisibhedlele sasePitoli ngoLwesine.

UDerby-Lewis nguye owanikezela umpu kuJanusz Walus owadubula uHani ngo1993. Ngenxa yesi senzo, uDerby-Lewis wagwetywa ubomi ejele.

Lo kaDerby-Lewis wanikwa ingqawule yabagulayo yinkundla yezomthetho kunyaka ophelileyo emva kokuphanza kwamalinge akhe esicelo sokukhululwa.

Ukukhululwa kwakhe nyakenye kwabangela ingxokolo yabantu ababekhalaza besithi akazange ayichaze ncakasana into eyabangela ukuba athabathe inxaxheba ekubulaweni kukaHani.

Phakathi kwabantu abebekhala yinkosikazi kaHani uLimpho kwanamaKomanisi (SACP), umbutho apho lo kaHani wayengunobhala kuwo.

UDerby-Lewis ebesoloko ekhala ngokugula ngumhlaza.