I’solezwe liphumelele imbasa

U-Abongile Ginya esamkela iwonga kwabakwaVodacom eBhayi, endaweni kaPhandulwazi Jikelo owayesakuba ngumfoti we-Isolezwe lesiXhosaumfanekiso: Siyabulela Mqikela

I’SOLEZWE liphinde lazuza imbasa yakwaVodacom kumsitho obubanjelwe eBhayi kwiveki ephelileyo ngenxa yemifanekiso ebesiyipapashe malunga nebali lobomi bosapho lakwaZinja kwilali iNtsimbini eNgqeleni.

Eli bali, phantsi kwesihloko esithi “Ikat’ ilele eziko kwaZinja”, lalibalisa ngentlungu yabantwana bosapho lakwaZinja, ababelala kuronta onethayo kangangokuba xa ungaphakathi ubukwazi ukubona ngaphandle noxa nje kuvalwe umnyango neefestile.

Ubunzima bolu sapho bebunyanzelisa uOlwethu Zinja owayeneminyaka elishumi elinanye ngelo xesha ukuba abeke imbiza eziko aphekele abantwana bakowabo abahlanu kuba unina uNosayinile Zinja eyokwenza imisetyenzana ukwenzela ukuba bangalali bengatyanga.

Eli bali belibhalwe nguAbongile Ginya kwekaCanzibe nyakenye logama imifanekiso, ethe yangunobangela wembasa, ibithatyathwe nguPhandulwazi “Phando” Jikelo.

Umhleli wephephandaba I’solezwe * -Unathi Kondile uthe: “Eli wonga sisiqinisekiso sokuba umsebenzi wethu siliphepha uyabonakala kwiphondo leMpuma Koloni. Kweli iphepha sizibona njengezicaka zabantu; olwethu uxanduva kukubalisa ibali laseMpuma Koloni ngokunjalo balo. Ukuba intswela-ngqesho, ubuhlwempu neenkonzo ezisisiseko zezona ngxaki zeli phondo kubalulekile ukuba kubekho amaqonga onxibelelwano afana neli phepha lethu.”

“Ngethuba uAbongile noPhandulwazi besiya kusapho lakwaZinja sasikwagxila kulo mxholo wethu wokuveza iimeko zabantu ngethemba lokuba zingakwazi ukuxhwila izazela. Umfanekiso ophumelele eli wonga watshintsha imeko yosapho lakwaZinja. Ukubona utshintsho kubomi babantu neemeko zabo liwonga lokuqala kuthi. Iwonga lakwaVodacom sisitampu esithi sikumgaqo ofanelekileyo,” utshilo uKondile.

UJikelo yena uthe: “Ukuphumelela kwam le mbasa kundivuyise kakhulu, kuchaza ukuzimisela nokuzinikela kumsebenzi esiwenzayo. Kodwa eyona nto endenza ndigcobe kakhulu kukubona usapho ebelungathathi-ntweni, linekhaya nempilo yabo ethe yatshintsha emva kokupapashwa kwebali labo.

“Imeko esafikela kuyo phaya yandenza isingqala, umzi ushiyeke neentsana ezingayaziyo nokuba zizakulala zitye ntoni, kwaye zingena themba limbi.Imeko yabo beyamkele, kungekho mehluko emini nasebusuku kuba indlu imnyama kunjalo nje ingadilika nangawuphi na umzuzu,” kutsho uJikelo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za