Ukhalela ubudoda bakhe

“Andinayo incanca, yaqhawuka esibhedlele ngonyaka ka-2011 emva kokuba ndibethwe ngamakhankatha amane endandihlala nawo. Sasihlala sibethwa kungenziwa nto ngesiko. Yilonto eyenza ukuba kubekho umonakalo!” Uthethe watsho uAndile Lani (asilo gama lakhe lokwenyani) ecacisa ngesiganeko esabangela ukuba aphulukane nelungu lakhe lobudoda. ULani ophuma kwilali yaseGodini eNgqeleni lelinye lamaxhoba lokuphathwa kakubi ngamakhankatha.

Ngamadodana aminyaka ephakathi kweshumi elinethoba ukuya kumashumi amabini anesihlanu athe angamaxhoba okuzibona enganawo amalungu obudoda, ingakumbi kwingingqi yaseOR Tambo ukusukela ngonyaka ka 1995.

Ingxelo kaGqirha Thembela Kepe ithi ngamadoda akumakhulu amabini anamashumi asibhozo ananye (281) aphulukene nobudoda kweli leMpuma Koloni, ngenxa yolwaluko olungahambanga kakuhle ukusukela kunyaka ka-1995 ukuya ku-2005.

Ukanti ingxelo yesebe lezeMpilo eMpuma Koloni ithi ngamadodana akumakhulu amabini namashumi amathandathu anesihlanu (265) asuswe iincanca phakathi konyaka ka-2006 ukuya kweyoMnga ngo-2015.

“Sasibane ukungena kwethu eSuthwini, omnye wabaleka sashiyeka sibathathu, ndim kuphela owaqhawuka incanca. Babendixelela ukuba umalume wayebaphethe kakubi nabo ngethuba babengabakhwetha, babebuyisa isixhiba ngokwenza oku,” litshilo ixhoba.

“Phambi kokuba ndiye eSuthwini bendinazo iintombi, kumnandi kodwa ndabuya ndingenalo ilungu lobudoda, ngoku andinayo nentombazana,” utshilo uLani.

Ubomi beli xhoba bukrakra nangaphezulu ngenxa yokuba amakhankatha asamtshutshisa ngendlela ezininzi.

“Andisahlali ekhaya kuba omnye walamadoda ngunyana kasibonda welali ngoku bafuna ukundibulala netyala endandilifakile alizange lihambele ndawo, ndihlala apha edolophini eNgqeleni,” litsho ixhoba.

Uthi uya ekhayeni lakhe emva kwexesha elide esiya ngokuhamba ebusuku aphinde abaleke ngentseni kusemnyama kuba esoyika abo bantu babangela ukuwa kwelungu lakhe lobudoda.

Umgaqosiseko welizwe loMzantsi Afrika kwisolotya elithetha ngamalungelo abantwana (The Childrens Act) uthi makoluswe amakhwenkwe aminyaka elishumi elinesithandathu kwaye oko makwenzeke ngoku khuselekileyo.

Ngexesha lokolusa lasehlotyeni kweyoMnga ngo-2015 ngabantwana abangamashumi amabini abathe baphulukana namalungu abo obudoda eMpuma Koloni.

UAndile Lani uzelwe ngonyaka ka1992 wakhula eneembono ezintle ngobomi nangempilo yakhe kuquka nosapho lakhe.

“Sibahlanu ekhaya, ndim omdala, bendinqwenela ukukhulisa usapho lam ngokuthi ndizeke umfazi ndibe nomzi wam njengabanye abantu kodwa andinokwazi ukuzeka umfazi ngoku kuba andinayo incanca,” utshilo uLani ekhathazekile.

Eli xhoba lichama lihleli phantsi kuba linayo imbobo eyenza ukuba kubelula ukwenza oko kodwa akufuneki ukuba lisebenze nzima.

“Ndinawo umnqweno xa ndibona umntu ongusisi kodwa ndiyayazi ukuba akukho nto ndinokumenza yona, akufuneki ukuba ndisebenze nzima kuba ndibanengxaki xa ndisebenze nzima,” utshilo. Uthi angavuya xa enokufumana uncedo nokuba lolunjani.