Umfama uthi amasi akhe akanalindle

UMNINI wefama evelisa amasi ekutyholwa ukuba angunobangela wokugula kwabantwana bezikolo ezirhangqe iQonce, uyaziphika izityholo zokuba yinkampani yakhe ebangele ukugula kwababafundi.

I’solezwe liqhakamshelene ne-Innesfree Dairy eseQonce emva kweziphumo zethutyana zohlolo lamasi ale fama ezikhomba igxeke kule nkampani ngelithi yiyo engunobangela wokungeniswa esibhedlele kwabantwana bezikolo zaseQonce.

Abantwana abaphuma kwizikolo eziquka iThambalethu Lower Primary yaseZinyoka, iJali High yaseQugqwala kwaneQugqwala Primary bebetye umvubo kwiveki ephelileyo njengenxalenye yenkqubo karhulumente yokutyiswa kwabantwana.

Ethetha nephephandaba I’solezwe uSomeleze Sihiya waseJali High uthe: “Ndathi ndikwigumbi lokufunda, ndeva ndikrweqwa sisisu ingathi kukho into esikayo apha kuso. Emva koko ndiye ndahlanza, babe nabanye behlanza futhi belunywa emva kokuba sitye amasi.”

UYolanda Soldati, waseJali High, uthi ebebhala iphepha lokuqala lesiNgesi kwiimviwo zikaGrade 12 ngethuba efikelwa sesi sihelegu kuLwesithathu odlulileyo. “Bendingena ku-Section C kwiphepha lam, ndalunywa sisisu. Kunyanzeleke ukuba ndiliyeke phakathi iphepha elo kuba ndivele ndahlanza ndaphelelwa ngamandla. Siye sasiwa esibhedlele eGrey ndingagqibanga ndinjalo ukubhala.”

Isithethi kurhulumente waseMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthe: “Iziphumo zovavanyo olwenziwe kula masi zidiza ukuba kukho ilindle kula masi. Asiyazi ukuba lusukaphi olu ngcoliseko, amagosa ethu asaqhuba nophando.”

Umnini we-Innesfree Dairy uthi akanakuvuma kungcoliswe igama le nkampani yakhe. “Asikazifumani ezo ziphumo zovavanyo. Sibe kolu shishino iminyaka elishumi elinesihlanu, zange sahlelwa yile nto. Umbuzo wam kukuba umphokoqo lo bekuvutywa ngawo ubuvavanyiwe na futhi izitya ezi bekuphakwa ngazo zona bezihlanjwe ngantoni,” utshilo umnini wale fama owalileyo ukuzithi khankqu ngegama.

UKupelo ukwathe abafundi abangamashumi asixhenxe ananye bathe babalekiselwa kwisibhedlele saseBhisho kule veki emva kokuba bekhale ngesisu kulandela ukutyiswa umngqusho nesibindi.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za