Uqinisa amaqhina entsebenziswano neZimbabwe uMzantsi Afrika

UMzantsi Afrika nelizwe laseZimbabwe bazakumisela ngokusemthethweni ikomishoni ezakuqinisa intsebenziswano phakathi kwala mazwe nebizwa ngokuba yiSouth Africa-Zimbabwe Binational Commission.

La mazwe mabini anamaqhina ozakuzelwano amadala asekelezelwe kwimbali yezopolitiko phakathi kombutho olawula eZimbabwe iZanu-PF kunye neANC.

Ukusukela ngonyaka ka-1995 la mazwe mabini atyikitye izivumelwano ezingaphezu kwamashumi amathathu kwimicimbi equka intsebenziswano kwezomkhosi, umbane, ezolimo kwanemicimbi yezempilo.

Ziinkampani ezikwikhulu elinamashumi amabini zeloMzantsi Afrika eziqhuba ushishino eZimbabwe kwimingxilo efana nemigodi, utyelelo, ugcinomali, ezokwakha neevenkile zokutya.

Unozakuzaku waseZimbabwe kweli uIsaac Moyo kutshanje uxelele urhulumente weli ukuba amanani aphezulu wabantu baseZimbabwe abakweli ngokungekho mthethweni kungabeka uMzantsi Afrika engxakini.

“Amanani aphezulu wabantu baseZimbabwe eMzantsi Afrika aphezulu kakhulu angabangela ukuba ilizwe loMzantsi Afrika lizibone lisemngciphekweni kwezokhuseleko, kwelinye icala nathi sililizwe laseZimbabwe iyasibetha lemeko.”

Ingxelo kaMoyo ithi ngabantu baseZimbabwe abakumakhulu amabini namashumi amathandathu amawaka abahlala eMzantsi Afrika ngokungekho mthethweni.

Umcimbi wabantu baseZimbabwe abahlala kweli ngokungekho mthethweni ngomnye kwimicimbi ezakuxoxwa kwindibano yoomongameli bala mazwe, uJacob Zuma kunye noRobert Mugabe.

Abemi baseZimbabwe aba kweli bayaxhamla kwisibonelelo sokufumana impephamvume zethutyana zokuhlala eMzantsi Afrika.

UZuma uzakuzimasa umsitho wokutyikitywa kwesivumelwano sentsebenziswano phakathi kwala mazwe mabini. Kulo msitho uZuma uzakube ephelekwe ngabaphathiswa uMaite Nkoana-Mashabane, uNosiviwe Mapisa-Nqakula, uGqirha uRob Davis, uMalusi Gigaba, uDipuo Peters kwakunye noMidred Oliphant.

Othethe egameni le-ofisi kamongameli Zuma uGqirha Bongani Ngqulunga uthi lo msitho wokumiselwa kwale komishoni uzakuqhubeka ngomhla wesithathu kule nyanga yeNkanga.

Umphathiswa uNkoana-Mashabane ekunye nogxa wakhe waseZimbabwe uSimbarashe Mumbengegwi bazakuba ngoosihlalo bendibano ezakubanjwe zinkokheli zala mazwe.

siyabulela.mqikela@inl.co.za