UJongisizwe libambela-kumkani labaThembu

UNkosana Mthandeni Jongisizwe Dalindyebo

IINKOSI zabaThembu zimbeke njengebambela-kumkani uNkosana Mthandeni Jongisizwe Dalindyebo kumsitho obubanjwe ngoLwesihlanu kwibhotwe lesi sizwe eBumbane cebu kuhle eMthatha.


UNkosana Jongisizwe ngumninawa kaKumkani Buyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo, odontsa isigwebo seminyaka elishumi elinesibini kwintolongo yaseMonti.


Ukubekwa kukaNkosana Jongisizwe, kuza emva kokuba abantwana begazi lobukumkani babaThembu bebenikwe inyhweba yokutyumba abantu abaselungelweni – ngokwesiko – lokubambela uKumkani Zwelibanzi.


Amagama abephakanyisiwe lelikaNkosana Jongisizwe noNkosana Azenathi Dalindyebo, unyana kaKumkani Zwelibanzi. UNkosana Azenathi, akakhange aphumelele kugqatso nanjengoko unina engenguye umfazi ozalwa ebukhosini.


UNkosana Jongisizwe ngunyana wesibini weNdlu eNkulu kaKumkani uSabata Jonguhlanga Dalindyebo.

Ethetha eBumbane emva kokubekwa kwakhe, uNkosana Jongisizwe, uthe uzimisele ukumanya esi sizwe.