Ziyaxhalabisa iimeko abagcinwa kuzo abantwana eAlfred Nzo

Amalungu ebhunga lamaphondo, iNCOP esonwabisa iintsana kutyelelo kwiziko logcino bantwana iSihle pre-school kwaBhaca. Umfanekiso ngu Umbhali Wethu

ZIYAXHALABISA iimeeko abagcinwa phantsi kwazo abantwana abasaqala isikolo kwisithili saseAlfred Nzo. Oku kudizwe libhunga lamaphondo kuzwelonke (NCOP) nelikutyelelo koomasipala abane abaphantsi kweAlfred Nzo. Amalungu eNCOP abambisene nekomiti ejongene nemicimbi yemfundo yabasaqalayo, kwakunye norhulumente weMpuma Koloni 

La malungu eNCOP atyelele amaziko emfundo, ukuqala kwiindawo ezigcina abantwana ukuya kumathala eencwadi kwidolophu yakwaBhaca. Athabathe ithutyana esonwabisa iintsana kula maziko ohlukeneyo.

Okhokele amalungu eli bhunga uJomo Nyambi uthe bakhwankqisiwe lusilelo lokuthathelwa kwengqalelo kweendawo ezigcina abantwana. Ukutsho oku emva kokubona imeko engaginyisi mathe kwelinye lala maziko iSihle pre-school esedolophini kwaBhaca. 

Kweli ziko abantwana abaqala kononyaka ukuya koneminyaka emine, baxinene kwigumbi elinye elohlulwe kubini ukwenza icala lokufundisela kwakunye nelokuphekela. Indlu elikuyo eli ziko sisakhiwo esidala senkonzo, kwaye abasebenzi abaqeshwanga ngokusisigxina.

UNyambi uthe urhulumente makaqinisekise ukuba amaziko ogcino bantwana afumana izakhiwo ezisisigxina nezikhuselekileyo ukuze aqhube kakuhle. Ukwathe la maziko ngawo enza ukuba abantwana balungele imfundo egqibeleleyo xa sebekhulile. 

Uthembise ngelithi iSihle namanye amaziko azothathelwa ingqalelo ngokwemigaqo.

Ilungu leli bhunga eliphuma eMpuma Koloni uZukiswa Ncitha uthe, ngethuba bekutyelelo kwithala leencwadi kwaBhaca bafumanise ukuba kukho ukunqongophala kweencwadi kweli thala, kwaye nabasebenzi abangaqeshwanga ngokusisigxina. UNcitha uthe isicelo seli thala sesinye sezinto abazakuzilandela bengamalungu eNCOP.

Othethele isebe lezemfundo eAlfred Nzo uSabelo Madikizela uthe bayalivuyela utyelelo leli bhunga, kuba amalungu azibonele ngokwawo imiceli mngeni abajongene nayo kule ngingqi, ingakumbi eyezakhiwo. Ukwathe, umcimbi weencwadi kwithala lencwadi luxanduva ekungacaciyo ukuba lujongene nabani

Umgcini bantwana Sihle pre-school uNicky Kumalo uthe unethemba lokuba iinzame zokufumana indawo ezinzileyo, ekudala beyifuna emva kokuqalwa kweli ziko ngo-2003, ziza kuba yiphumelelo kuba kufike amalungu ePalamente ngenkqu.

Ukwathe bayi-57 abantwana kwaye la manani azinzile kuba akabikho ngaphantsi ko-50 bengona bengenasakhiwo.

Olu tyelelo kulindeleke ukuba liqosheliswe ngoLwesihlanu, ukuze la malungu anike ingxelo ngolu tyelelo kwibhunga lamaphondo kwiveki ezayo.