Amasandawana avuthulule iZamalek kowokuqala weCaf!

Anthony Laffor weMamelodi Sundowns evuyela igowuli eLucas Moripe Staduim. Umfanekiso: BackpagePix

Amagowuli afakwe ngu-Anthony Laffor, Tebogo Langerman noPercy Tau anike iMamelodi Sundowns impumelelo ebalulekileyo nethuba elicacileyo lokuphumelela indebe ye-Afrika emva komdlalo wokuqala wamagqibela kankqoyi weCaf Champions League kwisithuba seyure egqithileyo eLucas Moripe Stadium namhlanje.

Amakhenkwe kaPitso Mosimane aye kwixesha lokuphumla ehamba phambili ngo’2-0 emva kwesiqalo esihle. Bekulindeleke ukuba iZamalek , njengeqela ebelihambele, izame ukufaka igowuli kuqala ukuze ifake uxinizelelo kwiSundowns – kodwa akubanga njalo. Endaweni yoko – iDowns – eqale ngabadlali bayo besiqhelo, ixhoxonxe izihlandlo eziliqela isebenzisa uLaffor, uKhama Billiat, uKeagan Dolly noTau kwade kwavuleka imbobo njengoko ingoma yabalandeli abebezalise iLucas Moripe Stadium ibisitsho.

Iimpazamo ezenziwe ngabadlali beZamalek emva zilibulele tu ithemba lokubuyela ekhya iphethe into emva kwalo mdlalo – ngoba bebesithi bezama abanye abadlali phambili, babe bevula emva.

Izinto ezenziwe kakuhle yiSundowns emdlalweni wonke nazi: Ngokwasengqondweni abadlali bebewulungele umdlalo, ngaphakathi ebaleni abadlali bavale kakuhle emva, esiswini bancedisile ekuthinteleni abadlali beZamalek abayingozi – phambnili iifolosi zeDowns zifake uxinizelelo olukhokelele kumagowuli amathathu.

Ebekhona wona amathuba okongezwa kwamagowuli yiSundowns – kodwa iya ngoku kumdlalo wokugqibela, eYiphutha, inamagowuli amathathu engxoweni – lo nto ithetha ukuthi ukuzithemba kuphezulu.

Ngokwendlela edlala ngayo iZamalek, akukhangeleki ngathi ingakwazi ukuyonzakalisa iDowns kowayo kulo mgangatho ikuwo. Okuseleyo ngoku kukuba iSundowns iye eYiphutha, iphumelele kwakhona – emva koko ibuye nendebe ye-Afrika.

Mamelodi Sundowns: Dennis Onyango, Tebogo Langerman, Thabo Nthethe, Wayne Arendse (Soumahoro 70’), Asavela Mbekile, Hlompho Kekana, Tiyani Mabunda, Khama Billiat (Modise 65’), Percy Tau, Keagan Dolly, Athony Laffor.

Zamalek: Ahmed El-Shennawy(Elremi 63’), Moruf Yusuf, Islam Gamal Ali Gabr, Ahmed Tawfik, Tarek Hamed, Ibrahim Salah, Ayman Hefny, Shikabala (Razmy Khaled 56’), Stanley Ohawuchi, Bassem Morsi.