IiChilli-boys zifuna amanqaku apheleleyo

Umdlali ophambili weChippa United uXolani Mdaki uthi, iqela lakhe lizimisele ukuqokelela amanqaku xa lidlala neGolden Arrows kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ngo’15:30, ePrince Magogo Stadium, ngoMgqibelo.

IiChilli-boys ziya KwaZulu Natal imisila iphezulu emva kokubhulel’amasaka iBaroka FC ngo’4-1 kumdlalo obuphambi kwekhefu lePSL.

“Into ebalulekileyo kuthi ngoku kukuqokelela amanqaku xa sidlala ne-Arrows kule mpelaveki. Siyayazi indlela edlala ngayo i-Arrows ngoba sicweyile nayo phambi kokuqala kwesizini – liqela elinobungozi kakhulu,” utsho uMdaki.

Ukuze iChippa ikwazi ukubetha iqela likaClinton Larsen kufuneka idlale ngokuzimisela ngoba liqhuba kakuhle kakhulu kule isizini. Abafana Besithende bahleli kwindawo yesibini – logama yona iChippa ihleli kwindawo yesithandathu emva kwemidlalo emithathu.

“Amalungiselelo walo mdlalo ahamba kakuhle kakhulu. Kwiveki ephelileyo sidlale umdlalo wobuhlobo neCape Town All Stars – siwulungele umdlalo,” utshilo uMdaki kwikhasi lomnatha weqela lakhe.

Le ndedeba ifumene ithuba elinqabileyo lokudlala ngethuba engekho uThamsanqa Sangweni kwaye ithi iyalibulela ithuba elinikwe ngabaqeqeshi beChippa United.