UNomandela uzama kwiqela laseKapa

ULuyolo Nomandela, okhululwe yiMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo, uziqeqesha neqela laseKapa, i-Ajax Cape Town.

Lo mdlali siswini ukhangela iqela elitsha emva kokuhlala kwiSundowns isithuba esingaphaya kweminyaka emibini engafumani thuba lokudlala kuyo.

Omnye umdlali okhululweyo yiDowns nguLindokuhle Mbatha. Ezivakele ekuqaleni kwale veki kumajelo endaba zithi uNomandela uzama indlela yokuvuselela ibhola yakhe – kodwa oko kuxhomekeke kwinkqubela yakhe kwi-Ajax ngoku.

UMark Mayambela noLebohang Mokoena bathathwe leli qela laseKapa ekuqaleni kwale sizini.

-Pedro Mapelo