Iziduko zamaNqukhwe

Xa amaNqukhwe ebalisa imbali yawo elanda izindlu zawo, athi: uNqukhwe ngumninawe kaCwerha. Kuthiwa uNjanya wazala uSibiside, uSibiside nguyise kaCwerha, uCwerha uziwa ngabantwana ababini abangamakhwenkwe angamawele uDlongothi noNqukhwe.

Emva koNqukhwe kuvele unyana ogama linguMfusi. UMfusi walekelwa nguVambane oliphelo kubantwana abangamadoda. UVambane walekelwa yintombi ekuthiwa nguNomalewu owazalela ekhaya, ezala umntwana ogama linguSukude emzaliswa yindoda enguNgwalane yasemaNtlaneni.

UCwerha kuthiwa wazala uMgoqi onguyise kaMbeki, uMbeki onguyise kaDumani noSiyoyo.

UDlongothi: UDlongothi iwele likaNqukhwe nguyise kaQhamkwana, uQhamkwana nguyise kaZolendlini, uZolendlini nguyise kaQwabe noNtsholo.

UNtsholo nguyise kaNodali, uNodali nguyise kaSomfiyane, uSomfiyane nguyise kaNtikinca, uNtikinca nguyise kaMxhozana, uMxhozana nguyise kaMathenjwa, uMathenjwa nguyise kaMahlangeni noMcoliswa nentombazana uNotoyi.

Isithebe sakwaDlongothi kuthiwa yiNtsimangweni naseChibini eNtabankulu.

Xa ethuthwa kuthiwa uDlongothi: “Dlongothi, Mazipha, Ingqengqe elimxhaka likaSokusa, UMtshukuma, UMazondwa ngezakhe, Icala lenkomo emdaka!”

UNqukhwe nguyise kaSindikolo noChonca nentombazana egama linguNoboleko.

USindikolo wayenemizi nanamhlanje ekuthiwa kukwaNyabeni, ukhona osezantsi kwaseSiphethu, omnye ukumhlaba. ULindikolo uzele uGwenxa.

UMfusi: UMfusi uzele uMchoyiya noNobaxa, uMchoyiya nguyise kaSobetshe. UMfusi naye unesibongo sakhe ekuthiwa ngamaMfusi, xa ethuthwa kuthiwa: “Mfusi, Nobaxa, Mchoyiya, Sobetshe, Tshintshi, Xhadi,Malebomvu, Seyiwa, Mazondwa kaMbelekwana, Ntomb’ezimathanga amhlophe!”

UNoboleko intombi kaNqukhwe izele uXhamakwe nomninawe wakhe uNgede.

UXhamakwe: UXhamakwe wavela nesibongo ekuthiwa ngamaXhamakwe,

Abongwa athiwe: “Xamakwe, Gxarha, Jaji, Khali, Mlandu, Ndlebe zintle zombini, Sibumbu sikhulu, Sixwebile sifun’umnt’ozayo, Gabulukhula, Bulawu, Wena uhlamba ngobulawu, Nobulembu bomlambo, Duka, Wen’uduka kamnandi, Udukel’ekhaya, Hlahl’elihle eliphesheya komlanjana, Lehlul’iinkabi ezimbini phesheya komlanjana, Babhinq’izikhakha abafazi bakwaXamakwe, Barhuq’elihlahla lahlul’inkabi ezimbini!”

UNgede: UNgede wavela nesibongo ekuthiwa ngamaNgede, abongwa athiwe: “Ngede, Mchongwana, Noboleko, Nto engasoze iboleke mntwini, Ngenxa yobutyebi.”

UChonca: UChonca naye wavela nesibongo sakhe ekuthiwa ngamaChonca, ekuthiwa xa ebongwa: “Chonca, Tshintshi, Tshintshi yemali emhlophe, Cwerha!

AmaBhadla: Kuthiwa ngenxa yeemfazwe zamandulo umkhuluwa kaNqukhwe uCwerha wabalekela kulonina eDutywa, eXobo, waze yena uNqukhwe nabantakwabo nenzala yakhe ethabathe imihlaba yamaMpondo.

Uthe uCwerha ukushiya kwakhe iXobo, wamshiya ngasemva umntakwabo uBhadla. UBhadla uselapho eXobo, loo maCwerha alapho kuthiwa ngamaBhadla.

UCwerha uphuthunyelwe ukuza kulawula isizwe samaCwerha kumhlaba owawufunyenwe ngabaninawe bakhe.

Le nto kuthiwa ihamba ngolu hlobo: Uthe uNqukhwe bakubasemaMpondweni wafuna ukuba abeyinkosi aphathe kuba umhlaba ewulwele.

Yaze le nto ayathandwa ngabantakwabo kuba befuna kulandwe uCwerha kulonina aze kuba yinkosi.

UNqukhwe waya kuzingela ehlathini ngenye imini waze wafika iinyamakazi zingekho ehlathini, zixoshiwe ngemithi yokwelapha, akabuya nanto. Wafika ekhaya kuxheliwe ngunyana kaMfusi uMchoyiya, emzini wakhe, kwakuxhelwe inja etyebileyo kunye nebhokhwe ebhityileyo, enqine kakhulu.

Ezi zilo zibini zaziphekwa ngoongxawu abakhulu abohlukeneyo, kwaze ngaphantsi kwafakwa iintloko zazo. Uthe akufika uNqukhwe kwathiwa makaye kophula inyama eziko.

Uthe akunqika kungxawu onenyama yebhokhwe akophula wadlulela kungxawu onenja etyebileyo waze wophula, watya. Emva kokuba etyile kwathiwa makophule intloko ngaphantsi.

Tyhini xa esithi gqi yeyenja. Kwakhutshwa enye intloko kwenye imbiza kwafikwa iyeyebhokhwe.

Kwaze kwagqitywa kwelokuba akanakho ukuphathwa kuba akasiso isilumko, uswele ukuhlakanipha ebefanele ukuba uphake inyama yebhokhwe. Isizwe asinakuphathwa ngumntu otya inyama yenja ikhona eyebhokhwe. Kwalandwa uCwerha eXobo kulonina eDutywa waphatha ubukhosi bamaCwerha emaMpondweni.

OoMlawu: Aba bantu bathi baphuma kwindlu yasemaCwerheni. Xa belanda umnombo nomlibo wabo bathi: UMlawu ngokaNjembu, uNjembu ngokaTapu, uTapu ngokaTshiwayo, uTshiwayo ngokaBamba, uBamba ngokaSiko, uSiko ngokaWezo, uWezo ngokaCwerha, kaMalangana, kaNjanye, kaMbulali, kaZwide, kaZizi.

Aba ke kuthiwa: Mlawu, Tshibe, Sobhazana, Gxothula, Mbibandulela,Mentrukwe, Wena buzi elizibunu zibhekise muva!