ULungisa ubuyela kwikomiti yeANC

U-Andile Lungisa ozakubuyela njengelungu lesigqeba eMpuma Koloni emva kokurhoxiswa kwetyala ebejongene nalo
INKUNDLA yaseRhawutini iwachithile amatyala ezityholo zobuqhetseba ngakobesakuba ngusekela-mongameli weANC Youth League kuzwelonke uAndile Lungisa.

 

ULungisa kwakunye nesithathu ebetyholwa naso bazinikezela kwibutho lamapolisa ooKhetshe (Hawks) ngo2014 emva kokuba betyholwa ngokubhunyula imali engaphaya kwezigidi ezibini yesebe lobugcisa nenkcubeko. Umbuso ububatyhola ngokuba bathembisa ngokuzisa imvumiuR Kelly azokudyusha eMzantsi Afrika, into engazange yenzeka.

 

Iingxelo zithi abatyholwa bathi bayibuyisela kwinxili karhulumente imali abebetyholwa ngokuyirhwaphiliza. Ngenxa yezi zityholo, uLungisa kwanyanzeleka ukuba aguzuke njengelungu lekomiti embaxa yeANC (PEC) eMpuma Koloni.

 

Isithethi seANC eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane uthi ukuchithwa kwetyala lobuqhetsheba ngakulo kaLungisa kuthetha ukuba uzakubuyela kubulungu bakhe bePEC. “Siyamamkela kwakhona uQabane Lungisa. Uzakusinceda kwinkqubo yethu yokuvuselela iANC,” utshilo uQoboshiyane