‘Siyazingca ngeChippa United’ – Sandy Zokufa

sandy zokufa

Kule veki I’solezwe lincokole nomlandeli weChippa United okwanguye nowebhola ekhatywayo. Sive nzulu ngendlela awaguquka ngayo ukuze abengomnye wabalandeli abambalwa ngoko yayisafika kwiphondo leMpuma Koloni isuka eKapa eNtshona Koloni.

Pedro Mapelo (PM): Nceda usibalisele. Ungubani, watsalwa yintoni kwiChippa?

Umlandeli: Igama lam ndinguSandy Zokufa, ndihlala eCentral – eBhayi. Ngusisi wam owandiguqulayo ukuze ndithande iChippa United. Kwakukho ooBhuti ababezama ukwakha isebe labalandeli eMotherwell. Ndangena ke ngolohlobo kodwa mna ndandihlala eZwide.

PM: Qhuba sisi.

Sandy Zokufa (SZ): Ndikhule ndiyibukela ibhola ngoba uBhuti wam wayethanda iKaizer Chiefs, nam ndandiyithanda – kodwa ndaguqukela apha kwiChippa ekufikweni kwayo apha eBhayi. Ngoku iChippa ithandwa nangumntwana wam, nguye ohamba phambili.

PM: IiChilli-boys zenze umsebenzi oncomekayo kwisizini edlulileyo, ulindele ntoni kule intsha?

SZ: Siyayixhasa iChippa kumnandi kukubi. Nangokuya kwakukho uRoger Sikhakhane, sasiyixhasa ngokupheleleyo. Sinebhongo kakhulu yindlela iChippa eqhube ngayo. Sivale isizini kwindawo yesithandathu – kule isizini silindele indawo yesithathu. Ingenzeka lo nto kuba abadlali bazimisele emsebenzini wabo.

PM: Ngubani umdlali omthandayo, kuba kutheni?

SZ: NguMark Vanden. Sithi Mlungu xa simteketisa. Ndiyamthanda ngoba udlala kakuhle kakhulu kodwa phantse bonke abadlali abafikayo bayadlala. UThembinkosi Loch, uJames Ok..ngabanye babadlali endibathandayo.

PM: Yintoni ebangela abalandeli bangayi emabaleni kwimidlalo yePSL?

SZ: Imidlalo yaphakathi vekini iyingxaki ngenxa yezinto zokukhwela xa kubuywa emidlalweni – kodwa eyona nto mna endibona ukuba ayikenziwa kakuhle yiPSL kukuthengisa imidlalo ebantwini.