‘Inkonzo yeyona nto ibalulekileyo eMnquma’ – Masualle

Umanejala womasipala waseMnquma uSindile Tantsi unqunyanyisiwe libhunga likamasipala UMFANEKISO: PHANDO JIKELO
INKULUMBUSO yaseMpuma Koloni Phumulo Masualle uthi ukusiwa kweenkonzo kuluntu laseMnquma yeyona nto ekufanele inikwa ingqwalasela ngamagosa aseMnquma.

 

UMasualle ukuthethe oku emva kokuba abasebenzi baseMnquma bethe bazibeka phantsi iintambo kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo kuba bengavisisani nesigqibo sokunqunyanyiswa kukamanejala kamasipala uSindile Tantsi.  

 

UTantsi unqunyanyiswe libhunga likamasipala kwiveki ephelileyo phantsi kwezityholo zokuba wenza izinto ezingaphunyezwanga libhunga. Phakathi kwezo zinto kuquka umnyhadala wejezi waseMnquma, nalapho ibhunga libanga ngelithi oku kwenziwe ngaphandle kwemvume yalo.

 

Lo kaTantsi ukwatyholwa nangokungathobeli imiyalelo yebhunga likamasipala waseMnquma.

 

Ekuqaleni, ibhunga linike uTantsi ikhefu elikhethekileyo limnika ithuba lokuba makatsho ukuba yintoni enokubangela ukuba anganqunyanyiswa. Endaweni yokuthobela lo myalelo, uTantsi uvele watshixa amasango kamasipala engafuni ukuba usodolophu nosomlomo bangene.

 

Ibhunga sele lityumbe uLuvo Mafanya njengomntu ozakube ebambela logama kuphandwa uTantsi. UTantsi uvakalise ukuba uzakusiphikisa enkundleni isigqibo sebhunga.