UPaige noSteyn banganceda Amabhokobhoko

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lombhoxo liphantsi koxinizelelo kakhulu phambi komdlalo wale mpelaveki emva kokungaqhubi kakuhle kwimidlalo yalo kule nyanga.

Amabhokobhoko othulana phezulu neeWallabies zase-Australia emalanga ngoMgqibelo, eLoftus Stadium. Ngumdlalo ekunyanzelekileyo ukuba uphunyelelwe nguMzantsi Afrika ukuze kuphunguke umthwalo emagxeni omqeqeshi, u-Allister Coetzee, abalandeli bombhoxo abafuna ahambe.

Izolo lo kaCoetzee ubhengeze iinguqu ezibalulekileyo kwiqela lakhe eMontecasino. Babini kodwa abadlali abachongileyo ekulindeleke ukuba bancede AmaBhokobhoko.

Abo badlali nguRudy Paige, Morne Steyn noPat Lambie obenzakele. UPaige noSteyn bangena kwiindawo zikaFaf de Klerk no-Elton Jantjies emva kokungaqhumbi kakuhle kwimidlalo yamaqela wabo njengo NO:9-10 xa bedlala bobabini.

Indlela uPaige noSteyn abadlala ngayo ibonwa njengecebo lokutshintsha indlela adlala ngayo AmaBhokobhoko ekunyanzelekileyo aphumelele xa edlalela ekhaya kule veki.

Kodwa uCoetzee uthi iinguqu azithethi kuthi iqela lakhe lizakuyikhaba nje ibhola.

“Utshintsho esilwenzileyo luhambelana nesicwangciso esinaso. URudy noMorne baqhelene neemeko zaseLoftus – kwaye basebenza ngokuzimisela enkampini,” utshilo uCoetzee izolo.

“Ingxaki esinayo ngoku kukuba xa singena kumhlaba weqela esidlala nalo, asifaki uxinizelelo ngendlela efunakayo. Lo nto kodwa ayithethi kuthi masikhabele yonke into phambili. Abadlalii abakhutshiweyo abalahlwanga – kodwa abadlali abadlala ngendlela engancumisiyo bangajongana neziphumo zoko,” utshilo umqeqeshi.