UMiddendorp ugrogrisa ngokulahla kwiMaritzburg

Umqeqeshi weMaritzburg United, u-Ernst Middendorp, ukhala ngoosompempe. Umfanekiso: BackpagePix

Izinto azimntakangqika kwiqela laKwaZulu Natal – iMaritzburg United. Lo nto ivakala ngokubhonga komqeqeshi, u-Ernst Middendorp, okwagrogrisa ngokuwushiya umsebenzi wakhe.

Oku kwenzeke emva kokuba iTeam of Choice iphulukene nemidlalo emithathu ngokulandelelana.

Phambi kokubethwa kwayo yiPolokwane City ngo’1-0 ngoLwesithathu wale veki, iMaritzburg yaquthiswa yiKaizer Chiefs ngo’2-0 eFNB Stadium ngoMgqibelo ophelileyo – kanti phambi kwalowo umdlalo – yabethwa yiSuperSport United.

Kuyo yonke le midlalo uMiddendorp usole oosompempe ngokulidel’indlala iqela lakhe watsho ebatyhola ngokulohlwaya ngendlela engaqhelekanga.

Emva kokusokola kwalo eli qela laseKZN kwisizini ka’2015/16, abalandeli balo bebenethemba lesiqalo esinomahluko kule sizini intsha. Nakunyaka ophelileyo, kwanyanzeleka ukuba iMaritzburg igxothe umqeqesha isaqala isizini ngenxa yeziphumo ezazingancumi.

Mane qha amanqaku ewaqokeleleyo ukuzothi ga ngoku. “Kufuneka ndihlale phantsi, ke ndicinge kakuhle ngokuqhubela phambili nokuqeqesha eli qela,” utshilo lo mqeqeshi owaziwa ngegama elithi Mazinyo.com ngabalandeli.

Lo mazwi uwathethiswe ngumsindo emva kokunqaba kweziphumo ezihle. Kodwa nangona kukubi kuye, izikhulu zeTeam of Choice, zisamxhasa lo Mjamani ngokupheleleyo.