Unike ubungqina enkundleni owabethwa engumkhwetha

INKUNDLA kamantyi eNgqeleni ive okokuqala ubungqina
ngokuhlaselwa kwabakhwetha abahlanu nekwabhubha omnye kubo kweyeKhala kunyaka
ophelileyo. 

Ingqina lenkundla uNcedo Madlala, oneshumi elinesibhozo leminyaka
ubudala nongomnye wamaxhoba uchazele inkundla ngendlela ababethwa ngayo
ngabarhanelwa, neyakhokelela ekubethweni kubulawe uAmahle Mhlekude. Abo
basindayo bachitha iinyanga ezintathu esibhedlele. 

Oku kwenzeka kwibhoma elikwi
lali iQhokama.
 Abarhanelwa uAvuyile Mfitshi oyingcibi, uLihle
Ntsunte,no Sphamandla Noplatana bajongene netyala lokubulala nawokubetha
ngenjongo zokwenzakalisa ngokumasikizi umzimba. Ingxelo ithi, lamaxhoba abethwa
ngenxa yokuba ayetyala ingcibi imali yokubolusa.

UMadlala uxelele inkundla ngendlela abahlaselwa
ngayo ngabarhanelwa kubusuku besiganeko. “Kwafika uAvuyile Mfitshi, uSphamandla
Noplatana noLihle Ntsunte kwisithuba sentsimbi yeshumi elinanye ebusuku
basifuna imali sabaxelela asinayo baqala ukusibetha. 

Emva kwexesha elide
sibethwa uAmahle wacela ukugoduka bamvumela waphuma kodwa emveni kwethutyana
uAvuyile wathi kuLihle makamlande phandle ambuyise ngentonga,nyhani wangena
embetha” Kutsho Madlala.

Uqhube wathi “U-Amahle wabethwa de wawa
isiqaqa bamgalela amanzi ngaphambi kokutsalela umnxeba abantu abadala. Kamva
kwagaleleka isithuthi sezigulani sabalekiswa esibhedlele silimele ngokumasikizi
entloko nasemzimbeni.”

UMhlekude wasweleka kamva esibhedlele ngenxa
yomonzakalo wokubethwa. 
Ngokwengxelo ukubethwa kwabakhwetha kwathatha
ngaphezu kweyure ezintathu.

Amagqwetha abarhanelwa atshintshiselene ngeqonga
ehlohla ngemibuzo kweli ngqina lakwaMadlala nelibonakalise ukungagungqi kwinto
eliyithethayo. 
Igqwetha likaNtsunte uVelile Mgcotyelwa ubuze
uMadlala ukuba akazange aphazamiseke kusini na, ngethuba elimele entloko nto leyo
ingadala ukuba abone izinto ezingekhoyo.

UMadlala uthe, wambona umrhanelwa uLihle ehlasela
uMhlekude, embetha ngentonga.

UMgcotyelwa
uthe uNtsunte wayengenasizathu sokubetha abakhwetha ngobusuku besiganeko kuba
babengamtyali mali.

Igqwetha likaMfitshi ongumrhanelwa wokuqala
kwelityala uMnu Ford lixelele inkundla ukuba ummangalelwa uzakuxelela inkundla
ukuba wayelele ngelixesha atyholwa ngokuhlasela abakhwetha. 
Eligqwetha libuze uMadlala ngezizathu zokungayibhatali
ingcibi uMfitshi.

Ityala limiselwe umhla we31 Oktobha kulo nyaka. Kulindeleke
ukuba inkundla ive ubungqina bamanye amaxhoba nabazali bawo.