Ungaphandle ngebheyile obanjwe enompu ongena layisenisi

UNGAPHANDLE ngebheyile yeR2000 umrhanelwa waseDutywa
obanjwe ngamapolisa emva kokufunyanwa ephethe umpu oneembumbulu ongenampepha
mvume. UNkululeko Saki one-53 yeminyaka ubudala ongummi welali yaseNgxakaxha
eSheshegu ubanjwe ngamapolisa ngolwesibini emva kokuhletyelwa ngabahlali ukuba
ubagqugqisa ngompu.

Isithethi samapolisa eDutywa uKapteni Jackson
Manatha uthi, amapolisa asabele ikhwelo labahlali, afika umrhanelwa esekule ndawo
ebegrogrisa kuyo abahlali.
 Uvele kwinkundla kamantyi eDutywa izolo, nalapho
aye wakhululwa ngebheyile.

Ityala liye lamiselwa umhla wamashumi amabini
anesihlanu (25) kwinyanga ezayo eyeDwarha, ngelixa amapolisa asaqhuba uphando
ngale ndoda nesi sixhobo.