Bancedwe ngokutya abafundi baseQonce

Umbono wokuncedana ngezinto ezilungileyo egameni likabawo uNelson Mandela kudale ukuba isikolo samabanga aphantsi iBhisho Primary siphise ngesipho sokutya kwiziko eligcina abantwana abaziinkedama iKing Williams Town Child Care Youth Centre, eQonce.

Kunyaka ophelileyo eli ziko lokugcina abantwana libesezindabeni ngenxa yezityholo ezithi babhuqwa yindlala abantwana kweli ziko.

Inqununu yesikolo saseBhisho uLinda Mbulawa uthi benze oku nje ngenxalenye yenkqubo yokunceda abantu besi sikolo.

“Sinenkqubo yokunceda abantu bangaphandle ngendlela ezahlukeneyo, abafundi notishala baqokelele ukutya izinto ezahlukeneyo baza bagqiba kwelokuba kuphiswe ngazo kweliziko ukuze kuncedakale abantwana,” itshilo inqununu.

Esi sipho siquka ubisi, umngqusho, inyama, izinto zokuhlamba, ezokucoca nezinye izixhobo zokuguqula ubomi, itsho ingxelo.

Isithethi seliziko uLeone Casper uthi kuzakubanceda oku kutya ukuba baqhubeke nomsebenzi wabo wemihla ngemihla. “Sinayo yona ingxaki yokuphelelwa kukutya, zonke ezi zinto siyazidinga yonke imihla,”utshilo uCasper.

Ngabantwana abakwikhulu elinesine abagcinwa kweli ziko ingamakhwenkwe namantombazana abasuka kwiindawo ezohlukeneyo eMpuma Koloni.

“Imali esiyifumana kwisebe lentlalontle ayonelanga kuba zininzi izinto esizidingayo apha, lo nto ichaphazela impilo yabantwana bethu,” utsho uCasper.

Omnye wabantwana abahlala kweli ziko uMirriam Singiselo uthi bayasivuyela esi sibonelelo kuba banethemba lokuba izakusuka ikati eziko.

“Siyavuya kuba ngaphandle kokutya basinika ithuba lokuba nathi sibhiyoze nabantu abasuka ngaphandle kwale ndawo sihlala kuyo, ezi zinto bazenazo zizinto esizidinga kakhulu,” utsho uSingiselo.

Abafundi bezi zikolo bakwafumene ithuba lokuba benze imixhentso becula kunye ngaphambi kokuba kugqithiswe izipho.

Umphathiswa wesebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni uNancy Sihlwayi ukhe watyelela eliziko ngenjongo zokuzibonela ingxaki yokubhuqwa yindlala kwela khaya.